Umthengisi wemipu akaphumelelanga kwisicelo sakhe sesibini sebheyile.
Umthengisi wemipu eGqeberha uKaren Webb uphinde wabuyela ngapha kwezitshixo zetrongo yaseNorth End ngelixa kulindwe ukuqukunjelwa kwetyala lakhe emva kokufaka isicelo sebheyile kwakhona.
Isicelo sebheyile sikaWebb samva nje siphantsi kolwazi olutsha emva kokuba, sikhatywe ngawo omane isicelo sakhe sebheyile kwiNkundla kaMantyi yesixeko ngoLwesihlanu, umhla wamashumi amabini anesibhozo kweyeSilimela 2024.
UWebb utyholwa ngobusela, iyelenqe lokuthubelezisa imipu ngokungekho mthethweni, ubuqhophololo, ukurhweba ngemipu ngaphandle kwempepha-mvume, ukubonelela ngemipu neembumbulu kubantu ekungavumelekanga ukuba babe nazo, nokuba ngumqobo endleleni yobulungisa.
UMantyi Tobile Bara ufumanise ukuba uWebb akakhange aveze mabakala matsha enkundleni. Uthe isicelo sakhe samva nje senziwe phantsi kwengcinga “yeenyani ezintsha” ukuze afumane ibheyile okwesibini. UWebb ubonise uxwebhu olufungelweyo elinamandla ekuphenduleni igosa eliphandayo elichasayo ukukhululwa kwakhe ngebheyile. Iingxelo zidiza ukuba, kwelixwebhu uWebb uthe usebenzisane namapolisa ngokunikezela ngeempepha ezithile kunye neselfowuni yakhe.
Ukwathe ngoku amapolisa aphethe imipu ebigcinwe eSedgefield kwaye ukhankanye nge-imeyile engqina ukuba akanazo izitshixo zesefu kwindawo yakhe apho imipu kaChris Evans, umnini we-Aquila Firearms, wayegciniwe khona.
Ukongeza, uWebb uxelele inkundla ukuba uthathe isigqibo sokuliyeka ishishini lemipu kwaye akazukuhlaziya iimpepha-mvume zakhe zokushishina ngemipu.
U-Bara uthe uWebb akacacanga ukuba ngawaphi amaxwebhu awanikezele emapoliseni, kwaye wabuza ukuba kutheni eza kuphendula ngoku xa ebekade engekaveli noluhlu lwakhe lwemipu.
Ngokumalunga neselfowuni athi uWebb uyinikezele emapoliseni, uBara uthe wanikezela ngefowuni engazi nokuba yeyiphi ifowuni efunwa ngamapolisa.
Uye waphawula ukuba uWebb wayekhabe ngawo omane ngaphambili ukunikezela ngefowuni yakhe kwaye “ukutshintsha kwentliziyo yakhe ngequbuliso” “kwimigaqo yakhe” yayingeyonyani entsha.
U-Bara uthe akukho ndlela yokuba uWebb wayenokulibala malunga ne-imeyile ekuthethwa ngayo, ngakumbi njengoko igosa eliphandayo lenza izityholo ezimbi malunga nayo ngexesha lesicelo sokuqala sebheyile.
Ukanti kumba wokushiya ishishini lemipu kukaWebb, uBara udize ukuba wayesele engenamandla okbuyela kwishishini lakhe, njengoko kuchaziwe ngexesha lokuqala lokufumana ibheyile.
Igqwetha likaWebb, uPaul Roelofse uthe bazakubhena ngokuchasene nesigqibo sikaBara.
Ukubanjwa kwakhe kweyoMdumba iingxelo zidiza ukuba, kuyinxalenye yophando lwamapolisa oluqhubayo malunga nendlela imipu eyathi yafunyanwa ngayo kwimigulukudu kwimimandla esemantla esixeko nakwamanye amaphondo. Ukanti ityala limiselwe umhla wamashumi amathathu (30) kweyeKhala.
