Home Iindaba U-O’Sullivan ufuna ukuba asuswe uMkomishinala wamaPolisa eKZN, uMkhwanazi ngenxa yezityholo atyabekwa zona.

    U-O’Sullivan ufuna ukuba asuswe uMkomishinala wamaPolisa eKZN, uMkhwanazi ngenxa yezityholo atyabekwa zona.

    UMcebisi wezoPhando odumileyo uPaul O’Sullivan umemelele ukuba asuswe ngoko nangoko uMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, emtyhola ngokujongela phantsi uzinzo kwiinkokeli zamapolisa oMzantsi Afrika.

    Umfanekiso: O'Sullivan Paul, onguMcebisi wezoPhando.

    By Asipile Kitchen.

    UMcebisi wezoPhando odumileyo uPaul O’Sullivan umemelele ukuba asuswe ngoko nangoko uMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant General Nhlanhla Mkhwanazi, emtyhola ngokujongela phantsi uzinzo kwiinkokeli zamapolisa oMzantsi Afrika.

    Ethetha kudliwanondlebe neNewzroom Afrika ngeCawe, umhla wesithandathu (06) kweyeKhala 2025, uO’Sullivan khange azibambe esithi, “ndifuna uyibona la ndoda isiwa, ngokukhawuleza. ”

    Iintetho zakhe ziza kwiiyure nje ezimbalwa emva kokuba uMkhwanazi enze amabango ashushu kwindibano noonondaba, etyhola amagosa aphezulu kurhulumente ngokungenelela kuphando lokubulalana kwezopolitiko. UMkhwanazi utyhola ukuba uMphathiswa wamaPolisa uSenzo Mchunu nosekela Mkomishinala kuzwelonke uShadrack Sibiya njengabanye babo baphazamise umsebenzi weQela lokuBulawa kwezoPolitiko.

    Ngokomkomishinala, angaphezulu kwekhulu elinamashumi amabini (120) amadokhethi amatyala asusiweyo ebutsheni balo nyaka, nto leyo ebeka esichengeni uphando lokubulala okuyayanyaniswa nezopolitiko KwaZulu-Natal naseRhawutini. Ubange ukuba abarhanelwa abaphezulu bayakhuselwa ebulungiseni, ecebisa ukuba kukho inzame elungelelanisiweyo yokutshitshisa umsebenzi weqela elisebenzayo.

    U-O’Sullivan, odume ngokumela ubuqhophololo, ubuze iinjongo zikaMkhwanazi wagxeka indlela athe wavakalisa ngayo esidlangalaleni amabango akhe. Uchaze inkcazo kaMkhomishinala apho uMkhwanazi ebenxibe iyunifomu yeSpecial Task Force kwaye ephahlwe ngamagosa axhobileyo njengomboniso owothusayo, ecebisa ukuba oko kungatolikwa njengesoyikiso kumgaqo-siseko.

    Ngelixa abanye ababukeli beyitolika intetho ka-O’Sullivan njengetyhola uMkhwanazi ngokuceba ubhukuqo-mbuso, akakhange enze ibango elinjalo ngokuthe ngqo. Nangona kunjalo, ulumkise ukuba lenkcazo iphakamisa iiflegi ezibomvu kwaye ifuna ukuphononongwa ngokunzulu.

    Ukungavisisani okumangalisayo phakathi kwesi sibini sikumgangatho ophezulu kongeze kwinkxalabo yoluntu ekhulayo ngokungazinzi kwiSAPS.

    Umphathiswa uMchunu uzikhabile ezi zityholo njengezingenasihlahla kwaye “azinaxanduva,” ngelixa i-ofisi kamongameli uCyril Ramaphosa iwuvumile lo mba njengenye “yenkxalabo enkulu yokhuseleko lwesizwe.”

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks