Amagosa kumasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay azifumene esemanzini ashushu ngenxa yemifanekiso exhonywe kwiipali zombane kumbindi wedolophu waseGqeberha ebonisa uSodolophu oLawulayo kulomasipala elahlekile.
Uluntu lwaseNelson Mandela Bay luvukele kulengxelo ngentseni yangoLwesibini umhla wesixhenxe kuCanzibe nalapho kucelwa uncedo ekukhangeleni usodolophu uGerry Van Niekerk nodizwe njengolahlekileyo
Xa ilizwi lika-‘Sodolophu olahlekileyo’ lafika kwiHolo yeSixeko, kukhutshwe isilumkiso esiqatha sokuba “amageza” anoxanduva lokusasaza “iipowusta zobuxoki” kuya kujongwana nawo ngokungqinelana nomgaqo-nkqubo kamasipala wentengiso yangaphandle.
U-Van Niekerk, nangona kunjalo, uthe ezindaba zobuxoki azimgungqisi kwaye azimkhubekisi.
UVan Niekerk uthi ebesoloko efowunelwa, ingakumbi abazali bakhe abakhathazeke kakhulu ekufuneka abanike ubungqina bokuphila kwakhe ngokubandwendwela buqu.
“Nangona ndingayithathi ngokobuqu, kukho abanye abangayiboni ihlekisa, njengeMibutho yaBantu abalahlekileyo.
“Sikhe saba nentlaninge yokuxhwilwa kwabantu mva nje kumasipala ombaxa waseNelson Mandela Bay kwaye oko kushiye abantu abaninzi bengxwelerhekile.
U-Van Niekerk ukwathe ixesha, iinzame, kunye nemali echithwe kulo mdlalo weqonga ibinokusetyenziswa ngcono njengokunceda iMibutho yaBantu abalahlekileyo.
“Kukho nenkqubo yezopolitiko ababezama ukuyityhala, kodwa nangona kunjalo, abantu bayazi apho ndikhoyo kwaye ndixakekile ndiyasebenza,” utshilo.
Ilungu leKomiti kaSodolophu ejongene nokuHlaliswa koLuntu, uThembinkosi Mafana uthe abophuli mthetho bangajongana nesohlwayo esifikelela kwisixa mali esingamawaka amathathu eerandi (R3000) ngokusilela ukulandela iinkqubo ezichanekileyo eziphathelele kumgaqo-nkqubo kamasipala wentengiso yangaphandle.
NgokukaMafana, ezo zohlwayo azibandakanyi ukumangalelwa kwabantu ngumasipala waseNelson Mandela Bay.
“Ngokwesivumelwano neSouth African Local Government Association (SALGA) siyayinyenyisa imithetho kamasipala ukuze sivumele amaqela ezopolitiko akhuphisane ngokufanelekileyo kwindawo yentengiso yangaphandle.
“Ngoko ke asinakuvumela ukuhlaliswa ngokungekho semthethweni kwendawo yentengiso, eyenzelwe amaqela ezopolitiko, ukuba isetyenziswe ngokungekho mthethweni nangenkohliso.
“Ukwaleka, ukuba abo banoxanduva abaluthathi uxanduva – nto leyo esiyikrokrela ngamandla kweli tyala – iipowusta ezingekho mthethweni ziya kuphelela kwiindawo zokulahla inkunkuma,” utshilo.
