20.2 C
King William's Town
Wednesday, March 26, 2025

UBEKWA NGOKUSESIKWENI UMONGAMELI CYRIL RAMAPHOSA NAMHLANJE.

Uzakubekwa ngokusesikweni uMongameli uCyril Ramaphosa kwizakhiwo zobumbano ePitoli namhlanje.

Uyabekwa ngokusesikweni uMongameli uCyril Ramaposa kwizakhiwo zobumbano ePitoli namhlanje. Ukubekwa kukaMongameli uRamaposa ngumboniso wolawulo lwesixhenxe leDemokrhasi.

Ukanti, abantu belilizwe loMzantsi Afrika, baphume ngobunzinzi bembetshe-mbetshe ukuyokuzimasa lomsitho.

Kananjalo, iinkokheli zasekuhlaleni kunye neeKumkani kunye noninzi olusemagunyeni noluquka isigqeba sikaMongameli nabo bazimase elitheko.

Ukanti nangona kunjalo, umbutho wezopilitiko iMK uhambela kude kwelitheko kuba betyhola ukuba lomsitho usisithuko kumaqhawe omzabalazo, aphulukana nobomi babo phantsi kwesandla sengcinezelo. Lombutho uthi, elitheko aliyonto kubo.

Kaloku, kwiiveki ezimbalwa ezidlulileyo, iANC yafumana ngaphantsi ngomyinge ka50% kulonyulo lovoto lukazwelonke, ntoleyo ethethe ukuba iANC mayixoze ngamphini wumbi ukuze ikwazi ukulawula eMzantsi Afrika ibambisene nombutho weDA, iGOOD, IFP kunye nePatriotic Alliance.

Kukwalindeleke ukuba ziqalise kungekudala iingxoxo zokuchongwa kwabaPhathiswa kwisigqeba esitsha nesizakukhokela noMongameli weli uRamaposa.

By Anelisa Zono

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
20.2 ° C
20.2 °
20.2 °
48 %
3.4kmh
0 %
Wed
25 °
Thu
23 °
Fri
25 °
Sat
29 °
Sun
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks