By Siphiwo Boqwana
UMzantsi Afrika unenjinga eNtsha yeHlabathi kwezamanqindi emva kokuba uPhumelele ‘The Truth” Cafu exuthe intshinga yehlabathi yeWorld Boxing Organisation kowayesa kuba yinjinga uKosei ‘The Dream Boy” Tanaka waseJapan embethela kowabo eTokyo nelikomkhulu laseJapan ngoMvulo umhla weshumi elinesine (14) Kyle yeDwarha inyanga izolo.
Le mbethi manqindi yoMzantsi Afrika kwilokishi iDuncan Village eMonti nenamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala, uPhumelele Cafu nowaziwa njengo “The Truth” ubuye nodumo kwelaseJapan ngethuba ephumelela ngamanqaku, abagwebu ababini bavumelene ngamxhelomnye ngo-114-113 yangumgwebu omnye onika uTanaka u-113 -114
Le mbethi manqindi yaseDuncan Village ayikabethwa kwimilo elishumi elinanye esilwa kudidi labahlawulwayo.
UCafu ukhe wamlalisa ngophotho uTanaka kumjikelo wesihlanu. UCafu uqale amanqindi phantsi koMapitla kunjalo nje uyimbethi manqindi yesine ukuphumelela ibhanti leWBO.
Imbethi manqindi yokuqala ukuba yinjinga yehlabathi kwiWBO ngongasekhoyo uDingaan ‘The Rose of Soweto” Thobela nowayithatha ekudidi leLight ngonyaka ka1990 ngenyanga yoMsintsi ngomhla wamashumi amabini anesibini (22).
Imbethi manqindi yesibini ukuphumelela lentshinga apha eMzantsi nguCorrie ‘Snioer” Sanders nowathi wabhuqa kanobom uWladimir ‘Dr Steelhammer” Klitschko eGermany ngomhla wesibhozo kweyoKwindla inyanga ngonyaka ka2003 kumjikelo wesibini. USniper umngqengqise amatyeli amane kulomlo umfana waseUkrain uWladimir, nto leyo eyabizwa njengomothuko wonyaka.
UMzantsi uthathe iminyaka elishumi elinesine phambi kokuba uphinde ubuye nenye intshinga yeWBO ngethuba likaZolani ‘Last Born” Tete nawayifumana ngonyaka ka2017 ngenyanga kaCanzibe ngomhla wamashumi amabini anesibini (22).