Home Iindaba UCeba weANC eMpuma Kapa uvele enkundleni ngezityholo zobuqhophololo ezikwiR16 000.

UCeba weANC eMpuma Kapa uvele enkundleni ngezityholo zobuqhophololo ezikwiR16 000.

UCeba weANC eMpuma Kapa, uThuliswa Jotile, uvele kwinkundla yamatyala oRhwebo eMthatha Specialized Commercial Crimes ngoLwesine ngezityholo zobuqhophololo.

By Ayabonga Ntengu

UCeba weANC eMpuma Kapa, uThuliswa Jotile, uvele kwinkundla yamatyala oRhwebo eMthatha Specialized Commercial Crimes namhlanje umhla weshumi elinesixhenxe (17) malunga nezityholo zobuqhophololo.

UJotile onguceba wakwa wadi16 kumasipala wase Ingquza Hill ubanjwe ngooKhetshe ngoLwesithathu emva kophando oludize ukuba uncedise umntu ukubhalisa inkampani ukuze ashishine nomasipala.

Kutyholwa ukuba ngonyaka ka-2018, uJotile, oneminyaka engamashumi amahlanu anesihlanu (55), waya kummangali kwityala leeHawks ukuba abhalise iqumrhu leshishini ngegama lakhe. Eli shishini kutyholwa ukuba libonelela ngeenkonzo zokutya kulo masipala, libhaliswe ngempumelelo ngoncedo lomtyholwa.

UJotile kutyholwa ukuba ebegcina iinkcukacha zebhanki zale nkampani, emva nje kokuba ibhalisiwe.

“Emva koko, umtyholwa kuthiwa wathatha onke amaxwebhu enkampani, ikhadi lebhanki kunye nenombolo yePIN yebhanki ukuze abe kuye ngalo lonke ixesha, kwinkampani yoshishino lommangali,” sitshilo isithethi sooKhetshe eMpuma Koloni uWarrant Officer Ndiphiwe Mhlakuvana.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks