By Nyameka Lamani
Urhoxile uDuduzile Zuma-Sambudla njengelungu lePalamente.Oku kudizwe kwindibano yoonondaba yoMkhonto weSizwe (MK) eThekwini ngentsasa yanamhlanje ngoLwesihlanu umhla wamashumi mabini anesibhozo kweyeNkanga.
UZuma-Sambudla ubephantsi kwemehlo elibukhali ngenxa yendima yakhe ekutyholwa ukuba wathumela abemi boMzantsi Afrika abalishumi elinesixhenxe(17) eRashiya apho baphelela kuluhlu oluphambili lwemfazwe yaseUkraine.
Uziphikile izityholo abekwa zona.Ukwajongene netyala kwinkundla ephakamileyo yaseThekwini malunga noqhushululu lwenyanga yeKhala ka-2021.Amatyala akhe aquka ubunqolobi nokuphembelela ubundlobongela.
Kutshanje uye wanxulunyaniswa nokurhweba ngaamadoda aseMzantsi Afrika alishumi elinesixhenxe kungquzulwano lwaseRussia ne Ukraine.Kutyholwa ukuba la madoda ayeqeshelwe oko akholelwa ukuba luqeqesho loonogada abanxulumene nombutho weMK.
Umbutho uzahlukanisile kuye ngoLwesine. Akukacaci ukuba uzakuhlala elilo na ilungu lombutho weMK.
