Ilungu loMkhonto weSizwe (MK) wePalamente (MP) uDuduzile Zuma-Sambudla uzakuvela enkundleni ngoLwesine malunga nezidubedube zikaJulayi 2021.
Lo mbhodamo ugungqise iindawo ezithile KwaZulu-Natal naseGauteng nokwakhokelela kukutshatyalaliswa kwempahla nokuphangwa kwamashishini.
Bangaphaya kwamashumi amahlanu abaphembeleli abatyholwa ngokuceba ubundlobongela abazakuxoxwa.
Izidubedube zikaJulayi ka-2021 zavela kuqhanqalazo oluthe gqolo befuna kukhululwe owayesakuba ngumongameli uJacob Zuma owayevalelwe entolongweni ngenxa yokudelela inkundla ngo-2021.
Nangona kunjalo, uqhanqalazo luye lwaba lubi kakhulu xa abantu beqala ukuphanga amashishini.
Abanye bade batshise iimoto kwaye kamva babelane ngemifanekiso yezehlo.
Ngelo xesha, intombi yowayesakuba ngumongameli yayibonakala incoma isenzo ngokubhala kwi-tweeter, “Siyakubona”.
