11.7 C
King William's Town
Thursday, October 2, 2025

Ufunyenwe enonomyayi uVusimuzi “Cat” Matlala kwiNtolongo iKgosi Mampuru.

By Asipile Kitchen.

NgoLwesibini, 08 kweyeKhala 2025 ebusuku ukuyotsho kwiiyure zokuqala ngoLwesithathu 09 kweyeKhala 2025, uMkomishinala weeNkonzo zoLuleko kuZwelonke, uMakgothi Samuel Thobakgale, ukhokele ugqogqo olubanzi nogqogqo kwiZiko loLuleko iKgosi Mampuru ePitoli, kuquka necandelo lokhuseleko oluphezulu iC-Max.

Olugqogqo lwangoLwesibini nangoLwesithathu lulandela olunye olwenziwe ngeCawe, apho amagosa afumana uMatlala neselula.

“UCat Matlala ukwiziko lezoluleko i-C-Max ngenxa yokwahlulwa. UMatlala uhlelwa njengosemngciphekweni omkhulu kodwa okwesibini, siyaqhubeka nokwenza ugqogqo, ngakumbi ezi ntlobo zogqogqo silwenzileyo phezolo,” uThobakgale uxelele umsasazi weNewzroom Afrika ngoLwesithathu kusasa.

” NgeCawa kusasa, senze ugqogqo ngequbuliso saza safumana iselula kuye.”

ISebe leeNkonzo zoLuleko lithe kuqhutywa uphando lokuqinisekisa ukuba uMatlala ukwazi njani ukuba neselula entolongweni.

Le gajethi sele inikezelwe kwiNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS).

“Xa sifumana izinto ezifana neeselula kumatyala asemngciphekweni afana neli, loo nto siyinikezela kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika, oku siye sakwenza ngoko nangoko, kwangolo suku lunye,” utshilo uThobakgale.

“Emva kokusityhila esi sixhobo, siye saqhagamshelana ne-SAPS yaza yasithatha.”

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
light rain
11.7 ° C
11.7 °
11.7 °
71 %
6.6kmh
100 %
Thu
14 °
Fri
17 °
Sat
33 °
Sun
24 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks