Home Iindaba Ufunyenwe enonomyayi uVusimuzi “Cat” Matlala kwiNtolongo iKgosi Mampuru.

Ufunyenwe enonomyayi uVusimuzi “Cat” Matlala kwiNtolongo iKgosi Mampuru.

INdoda etyholwa ngokuba sembindini wokungenelela kumsebenzi wamapolisa kunye nokubanjwa kwezixhobo zomthetho eMzantsi Afrika, uVusumuzi “Cat” Matlala, kule veki ubhaqwe neselula ngethuba kugqogqwa iziko lezoluleko iKgosi Mampuru, ePitoli.

Umfanekiso: Vusimuzi CAT Matlala.

By Asipile Kitchen.

NgoLwesibini, 08 kweyeKhala 2025 ebusuku ukuyotsho kwiiyure zokuqala ngoLwesithathu 09 kweyeKhala 2025, uMkomishinala weeNkonzo zoLuleko kuZwelonke, uMakgothi Samuel Thobakgale, ukhokele ugqogqo olubanzi nogqogqo kwiZiko loLuleko iKgosi Mampuru ePitoli, kuquka necandelo lokhuseleko oluphezulu iC-Max.

Olugqogqo lwangoLwesibini nangoLwesithathu lulandela olunye olwenziwe ngeCawe, apho amagosa afumana uMatlala neselula.

“UCat Matlala ukwiziko lezoluleko i-C-Max ngenxa yokwahlulwa. UMatlala uhlelwa njengosemngciphekweni omkhulu kodwa okwesibini, siyaqhubeka nokwenza ugqogqo, ngakumbi ezi ntlobo zogqogqo silwenzileyo phezolo,” uThobakgale uxelele umsasazi weNewzroom Afrika ngoLwesithathu kusasa.

” NgeCawa kusasa, senze ugqogqo ngequbuliso saza safumana iselula kuye.”

ISebe leeNkonzo zoLuleko lithe kuqhutywa uphando lokuqinisekisa ukuba uMatlala ukwazi njani ukuba neselula entolongweni.

Le gajethi sele inikezelwe kwiNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika (i-SAPS).

“Xa sifumana izinto ezifana neeselula kumatyala asemngciphekweni afana neli, loo nto siyinikezela kwiNkonzo yesiPolisa yoMzantsi Afrika, oku siye sakwenza ngoko nangoko, kwangolo suku lunye,” utshilo uThobakgale.

“Emva kokusityhila esi sixhobo, siye saqhagamshelana ne-SAPS yaza yasithatha.”

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks