Home Iindaba Ufunyenwe umzimba wegqiyazana elalahleka ngo-2022

    Ufunyenwe umzimba wegqiyazana elalahleka ngo-2022

    Zibonakele ekugqibeleni iinzame zomzali ekufumaneni umzimba wentombi yakhe emva kokungavisisani ekurhanelekayo nekhaya labagcini bemizimba

    Umfanekiso: UBusisiwe Mvimbane, ixhoba lokudukelwa ngumzimba wentombi yakhe encinci ngonyaka ka-2022.

    By Lilitha Phenduka.

    Zibonakele ekugqibeleni iinzame zomzali ekufumaneni umzimba wentombi yakhe emva kokungavisisani ekurhanelekayo nekhaya labagcini bemizimba

    UBusisiwe Mvimbani waseGcuwa wacela uncedo kumakhasi onxibelelwano ekufuneni intombi yakhe eneminyaka elishumi elinesihlanu ubudala, uHappy Mvimbani, owaduka kwikhaya labo nge nyanga ka Tshazimpuzi ngo-2022.

    Iingxelo zidize ukuba kangangexesha elide, uye waya kumakhasi onxibelelwano esithi abasebenzi baseGcuwa bamalela ilungelo lokuchonga umzimba wentombi yakhe lonto edale ekubeni uluntu ludibane ukuncedisana naye ekufunaneni uncedo kumagosa aphezulu kwaye afakanelekileyo.

    ISebe lezeMpilo ephondweni lisungule uphando kwaye uvavanyo lwe-DNA lwenziwa kwimizimba emibini. NgoMvulo uMvimbani ungqinile ukuba iziphumo ze-DNA zichonge esinye sezidumbu njengentombi yakhe.

    “Ndiwunikiwe umzimba, kwaye ndiwuchongile ngempumelelo, siyigqibile inkqubo, kwaye siza kuqhubeka nomngcwabo ngoku silusapho.”

    Isithethi sesebe lezempilo ephondweni uSiyanda Manana ulwamkele oluphuhliso ekwathi belunzima uhambo nanjengoko bekutyholwa ukuba bekungekho ntsebenziswano imbi phakathi kukaMvimbani kunye nelinye lamagosa nothe wachaza ukuba ufuna ukujonga imizimba okwesibini kwaye wacaciselwa ngenkqubo kodwa baxolile kuba uMvimbani uwufumene umzimba wentombi yakhe.

    Lo kaMvimbani ubulele kakhulu ngenkxaso yoluntu kwakunye namagosa ediza ukuba intombi yakhe izakubekwa ngomhla wokuqala (1) eyoKwindla 2025.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks