Ibekwe kwikhaya lokugqibela kuComfimvaba namhlanje ikwenkwana eneminyaka elishumi elinesithandathu(16) ubudala neyabulawa ngabanye abafundi kwisikolo samabanga aphezulu uArthur Mfebe high school.
Lenkwenkwana ibhubhe kwiveki ephelileyo emva kokugqabhuka komlo phakathi kwamaqela amabini abafundi besisikolo, nabalwa de kwabhubha umfundi omnye.
Ngokwengxelo yenkonzo yesipolisa yachaza ukuba kwangene iqela labafundi kumasango esikolo ze yaqala iqhushululu behlaselana. Kulomlo ke kwabhubha omnye nobeneminyaka elishumi elinesithandathu(16) ubudala logama omnye wathi wafumana umonzakalo omandla ze wabalekiselwa esibhedlele apho afumana khona unyango.
UMphathiswa kwiSebe lezeMfundo eMpuma Koloni uFundile Gade, ebekhona ukuzimasa kwinkonzo yomngcwabo womfundi kwaye ecaphula ngelithi, bengurhulumente akuxhomekekanga kubo kuphela ukukhusela abafundi koko nabazali banoxanduva okanye indima ekumele bayidlale.
Ukwathe, abasemagunyeni namapolisa basenza uphando olunzulu ngesisiganeko nanjengoko kuvela amanye amabali nanxulumene nemigewu yokulwa kwabantwana elalini de kwabhubha abanye abakwanxulumene nomfi.
