
Owayesakuba yi-COO yaseBosasa u-Angelo Agrizzi ugwetywe iminyaka elishumi (10) yonke eye yaxhonywa iminyaka emihlanu.
Lo ka Agrizzi utyikitye isivumelwano sokuvuma ityala noRhulumente ngenxa yempilo yakhe embi.
U-Agrizzi ebejongene namatyala orhwaphilizo kunye nokuhlanjwa kwemali ngenxa yendima yakhe kwimicimbi engathandekiyo kaBosasa norhulumente.
Ityala lakhe ligqityiwe kwiNkundla ePhakamileyo yasePitoli.
Owayesakuba yi-coo yaseBosasa ebengekho kwimicimbi yenkundla ngokwenyama kodwa ubonwe kwiscreen elele ebhedini yakhe enemibhobho empumlweni.
Emva kokuphonononga nokubuza imibuzo emininzi, uJaji uPapi Mosopa uvumile isivumelwano sokuvuma ityala ngemiqathango engqongqo.
Ukutshintshiselana ngenkululeko yakhe, u-Agrizzi kuya kufuneka asebenzisane neGunya-bantu lezoTshutshiso likaZwelonke (i-NPA) kuphando, kwaye angqine inyaniso nxamnye nomtyholwa kumatyala enkohlakalo anxulumene neBosasa.