Home Iindaba UGWETYWE IMINYAKA ELISHUMI ELINESIBINI UNQEVU WASE-GQEBERHA.

UGWETYWE IMINYAKA ELISHUMI ELINESIBINI UNQEVU WASE-GQEBERHA.

INkundla kamantyi yaseGqeberha yenze ubulungisa ngokugweba indoda eneminyaka engamashumi amabini (32) ubudala ethe yaphanga iselfowuni yexhoba. Le ndoda igwetywe iminyaka elishumi elinesibini ngapha kwezisele ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeSilimela 2024.

INkundla kamantyi yaseGqeberha yenze ubulungisa ngokugweba indoda eneminyaka engamashumi amabini (32) ubudala ethe yaphanga iselfowuni yexhoba. Le ndoda igwetywe iminyaka elishumi elinesibini ngapha kwezisele ngomhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeSilimela 2024.

Ngenyanga yeDwarha ku-2023 malunga nemizuzu engamashumi amathathu emveni kwentsimbi yesibini (14:30) emini, abecuphi benkonzo yesipolisa kwindlela iMount, babexakekile besenza uphando eSydenham xa beqaphela indoda ibaleka iphethe ibhoso kunye neselfowuni eandleni zayo. La malungu esipolisa aye akrokra ngendlela ewayebaleka ngayo umtyholwa ze amleqa.

Ngexesha abecuphi bexakekile besenza udliwano-ndlebe naye kwisikhululo samapolisa, ummangali wafika kweso sikhululo eze kuxela ngokuphangwa. Waveza ukuba ebekwichibi laseNorth End kwimoto yakhe, iToyota Corrolla ngethuba efikelwa ngumrhanelwa onxibe imask exhobe ngemela. Watyityimbiselwa umnwe kwaze kwathathwa nefowuni yakhe, wahlatywa ebusweni nasentanyeni. Wafumana unyango ngenxa yokonzakala.

Umtyholwa wahlala eluvalelweni de kwagqitywa ityala.

Ngomhla weshumi elinesibhozo kule yeSilimela inyanga (18/06) ummangalelwa uHarry Nelson (32) wafunyanwa enetyala lokuphanga ngokugqithisileyo nokuba nezinto ekurhaneleka ukuba zibiwe kwaye wagwetywa iminyaka elishumi elinesibini (12) entolongweni.

UMkomishinala weSithili saseNelson Mandela Bay, uMaj Gen Vuysile Ncata usamkele isigwebo kwaye waphinda wathi esi sigwebo sisebenza njengesifundo kubaphuli-mthetho abangoomathuba abazulazula ezitalatweni bejolise kubantu abamsulwa.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks