Home Iindaba UGwetywe izigwebo ezimbini zobomi uTata ofunyenwe ngokuxhaphaza intombi yakhe ngokwesini.

UGwetywe izigwebo ezimbini zobomi uTata ofunyenwe ngokuxhaphaza intombi yakhe ngokwesini.

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Kapa eGqeberha igwebe indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala izigwebo ezimbini zobomi.

Umfanekiso: Izibopha zandla.

By Asipile Kitchen.

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Kapa eGqeberha igwebe indoda eneminyaka engamashumi amahlanu anesithandathu (56) ubudala izigwebo ezimbini zobomi kunye neminyaka engama-3 713 eyongezelelekileyo kulandela ukufunyanwa inamatyala angaphaya kwamakhulu asixhenxe anxulumene (700) nokudlwengula, ukuxhatshazwa ngokwesondo, ukurhweba ngabantu, ukuvelisa kunye nokuthumba abantwana.

La matyala kutyholwa ukuba enziwa isithuba seminyaka eliqela, ukusukela ngo-2015 ukuya ku-2022, ikakhulu kwikhaya lomtyholwa e-Jeffery’s Bay. Ummangali ophambili, waqala ukubukela imifanekiso engamanyala yentombi yakhe xa wayeneminyaka elishumi (10) ubudala. Njengoko uxhatshazo lwalusanda, waxhatshazwa ngokuphindaphindineyo ngokwesondo ngumtyholwa kunye nomntakwabo okwishumi elivisayo. Umtyholwa akaphelelanga nje ekuthatheni inxaxheba kuxhatshazo olo kodwa kananjalo wazishicilela kwaye eziyalela. Kamva wazisasaza ngokusebenzisa amaqonga edijithali kubantu abangaziwayo.

Uphando lufumene ubungqina obuninzi bedijithali, kuquka amawaka emifanekiso kunye neevidiyo ezigcinwe kwizixhobo ezininzi. Oku kuquka iselula, i-‘laptop’, ii-‘hard drives’, kunye nezixhobo ze-USB ezinemibonisa emanyukunyezi ebandakanya abantwana abaziyo nangabaziyo, abanye bebancinci.

Abantwana babeboniswa behamba ngaze, ukuzibandakanya kwizenzo zesondo rhoqo phantsi kokunyanzeliswa. Uxhatshazo aluphelelanga kummangali ophambili; nabanye abantwana bekhaya babekhuliswa baze baxhatshazwe. Kwiimeko ezithile, ummangalelwa wayalela unyana wakhe omncinci ukuba athengise imifanekiso kunye neevidiyo zoxhatshazo kubathengi bangaphandle.

Ukubanjwa kwakhe ngomhla wokuqala (01) kuSeptemba 2022 eJeffrey’s Bay kuphenjelelwe yingxelo evela kwelinye lamaxhoba amancinci, intombi yakhe ayizalayo, eyadiza ukuxhatshazwa kwisalamane sakhe.

INdlela ebanzi yoxhatshazo olucwangcisiweyo kunye nokuziphatha kolwaphulo-mthetho ngaphakathi kwiyunithi yosapho yavela ngokukhawuleza. Umtyholwa wafunyaniswa esebenzise igunya kunye nesikhundla sakhe sokuthenjwa ukuba alawule kwaye aphathe kakubi abantwana abangaphantsi kuye.

Umtyholwa uyaliphika ityala. Nangona kunjalo, uye wawavuma amanye ngokwemigaqo yeCandelo lama-220 loMthetho weNkqubo yolwaphulo-mthetho.

IGqwetha loMbuso eliPhezulu, u-Ismat Cerfontein, lixoxe ngelithi izenzo zolwaphulo-mthetho zezinye zeendlela ezimandundu nezizinzileyo zempatho-gadalala inkundla edibene nayo. Ugxininise indlela amatyala acwangciswe ngayo, ukulungiswa ngabom kwamaxhoba, kunye nokusetyenziswa kobugcisa ekubhaleni nasekusasazeni ukuxhatshazwa. Uhambise ngelithi ukungabikho kokuzisola kunye nokubandakanyeka koxhatshazo lwabanye abantwana, bafuna ukugwetywa ubomi obude.

Inkundla yavuma, yagweba umtyholwa ubomi bakhe bonke ngenxa yamatyala odlwengulo kunye nokuxhatshazwa ngokwesondo kunye nemiqathango emide eyongezelelekileyo yokufunyanwa, ukudala, ukungenisa kunye nokusasazwa kwemifanekiso engamanyala yabantwana. Inkundla yaphinda yayalela ukuba izigwebo ziqhutywe ngaxeshanye kunye nesigwebo sobomi kwaye igama lakhe lifakwe kwirejista yabaphuli-mthetho ngokwesondo kwaye abhengezwe njengomntu ongafanelanga ukuba nompu.

UMlawuli wezoTshutshiso eMpuma Kapa, uMnumzana Barry Madolo, usamkele esi sigwebo, wasichaza njengesifanelekileyo kwaye siyimfuneko xa kujongwa ubunzima, ubukhulu, kunye nefuthe lolwaphulo-mthetho. Uncome ubugorha bamaxhoba, ingakumbi ummangali ophambili okudizwa kwakhe nokomelela kwakhe kudlale indima ebalulekileyo ekugwebeni umenzi wobubi. Ukwancome neenzame zeNkonzo yesiPolisa yaseMzantsi Afrika, iCandelo loBundlobongela boSapho, uKhuseleko lwaBantwana namaTyala ezeSondo, kunye neqela labatshutshisi ngenkuthalo nokuzinikela kulo lonke ixesha lophando nokuxoxwa kwetyala.

Eli tyala lisisikhumbuzo esicacileyo seziphumo ezibi zoxhatshazo phakathi kweentsapho nokubaluleka kokuphaphela ekukhuseleni abantwana abasesichengeni.

UGunyaziso loTshutshiso lweSizwe (NPA) uyaphinda ukuzinikela kwawo ekubaphenduleni abenzi bolwaphulo-mthetho olumanyumnyezi nokuqinisekisa ukuba abasindileyo bafumana ubulungisa nokhuseleko olubafaneleyo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks