Isijem-jem somdlwenguli ogwetyiweyo owayengaphandle ngeparole ugwetywe ubomi entolongweni kwiveki ephelileyo ngokudlwengula owasetyhini ongaboniyo ekhayeni lakhe eKenton-on-Sea.
Isithethi seGunya-Bantu Lotshutshiso (NPA), uLuxolo Tyali, uthi ixhoba, elineminyaka engamashumi amathandathu abanye (61) ubudala ngoku, lalisela iziselo noyise kunye nentombi yakhe kweyoMdumba ka-2024, xa laya kwigumbi lalo lokulala lazumeka bubuthongo.
Uthi xa lavuka, lalixhatshazwa ngokwesondo kwaye lazama ukukhwaza licela uncedo, kodwa uThembinkosi Ngxande walivala umlomo waza walisongela ngokulibulala.
UTyali uthi nangona ixhoba lingaboni, laqonda ilizwi lomdlwenguli walo njengoko wayenobudlelwane nodadewabo.
Uthi ngenxa yokulimala kodlwengulo kunye notywala awayebusele, walahlekelwa zingqondo.
UTyali uthi xa kamva wabuyela ezingqondweni, uNgxande wamdlwengula kwakhona, ngeli xesha elibeke imela emqaleni.
Uthi ngeli xesha, intombi kayise yavuka kwingxolo yaza yamfumana uNgxande egumbini lokuhlala, enganxibanga ihempe yakhe.
I-NPA ithi le ngxaki yaxelwa emapoliseni ngokukhawuleza, waza uNgxande wabanjwa emva kweentsuku ezine.
UNgxande wakhanyela ukuba ubekhona kwigumbi losindileyo waza wathi wayekunye nentombi yakhe, eyasweleka ngenyanga YoMnga waloo nyaka; nto leyo eyayithetha ukuba, ingqina lakhe lalisele liyinabele ingubo kaqaqaqa.
UTyali uthi emva koko waphikisana nobungqina bolibo-fuzo (DNA), ephikisana nothotho lwexesha lokubanjwa.
Inkundla yala inguqulelo yakhe yaza yamgweba ubomi bakhe bonke entolongweni; nangona kunjalo, ngenxa yokwaphula kwakhe umthetho we-parole, waqale wayalelwa ukuba agqibe isigwebo sakhe sokuqala esisele kude kube ngu-2035, ngaphambi kokuba aqale ukudontsa isigwebo esitsha sobomi bonke.
#Elinqaku liqale laphuma kwi Algoa FM News

