15.2 C
King William's Town
Thursday, November 30, 2023

Ugwetywe ubomi ethothoza ngaphakathi entilongweni umbulali womyeni

Ugwetywe ubomi ethothoza ngaphakathi entilongweni umbulali womyeni, egwetywa yinkundla kaMantyi ephakamileyo eGqeberha izolo.

Kaloku umtyholwa nowayesehlukene nomyeni wakhe, waqulunqa iqhinga lokudutyulwa kubulawe owayesakuba ngumyeni wakhe ekwikhaya lakhe eliseMarikana eBooysens Park ngoJanuwari wonyaka ka2020.

UNtombizodwa Solwandle(42) waqulunqa eliqhinga ekunye nomhlobo wakhe ongasekhoyo ngoku ze kwaqeshwa uMasixole Nyaba (32) ukuze abengimbulali(hitman) wexhoba eligama linguMnoneleli Solwandle (oneminyaka engamashumi amane anesibini -42 ngelo xesha)

Esi senzo saqulunqwa kuba umfazi wayefuna ukufumana imali ye (Insurance) Umfi wabulawa ngomhla we 18th January 2020 emva kokuba wafumana umnxeba ukuba eze ngaphandle apho adutyulwe khona nguNyaba.

Ityala lokubulala liphandwe liCandelo loLwaphulo-mthetho oluNgqongileyo kwiPhondo kwaye njengoko uphando luqhubeka, unkosikazi ongasekhoyo kunye noNyaba babanjwa eSAPS Bethelsdorp ngomhla we23 kuJanuwari 2020 ngesityholo sokubulala. Bahlala ke eluvalelweni de babe bayagwetywa. Umhlobo wakhe owayeququzelela usisenzo ngeishwa wadutyulwa wabulawa kwindlu yakhe eZwide ngonyaka ka2021.

NgoLwesibini, umhla we25 kuTshazimpuzi 2023 abatyholwa bagwetywe ngolu hlobo lulandelayo:
Masixole Nyaba
Ukubulala – ubomi entolongweni
Ukuba nompu ongenalayisenisi – iminyaka elishumi elinesihlanu(15)
Ukuba nembumbulu- iminyaka emibini2

Zonke ezinye izizigwebo ziya kuhambelana nesigwebo sobomi.

Ntombizodwa Solwandle
Ukubulala – ubomi entolongweni

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
15.2 ° C
15.2 °
15.2 °
29 %
2.4kmh
15 %
Thu
31 °
Fri
42 °
Sat
29 °
Sun
30 °
Mon
25 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks