19 C
King William's Town
Saturday, October 4, 2025

UHlangulwe owasetyhini onguFilipino owaxhwilwa eDimbaza.

By Nyameka Lamani.

ISithethi sePhondo uLieutenant-Colonel Avele Fumba uthi owasetyhini oneminyaka engamashumi amathathu anesihlanu (35) ubudala, waxhwilwa ngamadoda amathathu (3) kumzi-mveliso oseDimbaza eMonti, ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyeThupha 2025.

Uthi kwakufunwa intlawulelo, nto leyo eyabangela ukuba kwenziwe uphando olungxamisekileyo.

UFumba uthe kwingxelo yakhe ngoLwesihlanu ukuba iqela elisebenzayo lokuxhwila ngokusondeleneyo neqela laseMonti, iqela lokuphendula ngobuchule, kunye nokhuseleko lwabucala IGuardian Defense, ilandelela ngokucokisekileyo zonke izikhokhelo.

“Ukuzingisa kwabo kwaba neziqhamo xa abezobuntlola bekhomba ityotyombe apho ixhoba lalivalelwe khona,” utshilo.

UFumba uthi eli gqiza lenze into eyayicwangciswe ngobunono yokuhlangula le nkosikazi kwityotyombe eMdantsane apho ibigcinwe khona.

Abarhanelwa abaneminyaka ephakathi kwamashumi amathathu (30) ukuya kumashumi amane (40) kulindeleke ukuba bavele enkundleni kungekudala ngezityholo zokuxhwila namanye amatyala anxulumene noko.

Le mpumelelo yamkelwe yiNtloko yeeHawks kwiPhondo, uMajor-General Mboiki Obed Ngwenya.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
few clouds
19 ° C
19 °
19 °
61 %
2.8kmh
11 %
Sat
18 °
Sun
23 °
Mon
26 °
Tue
23 °
Wed
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks