Home Iindaba UJub Jub kulindeleke ukuba abuyele enkundleni namhlanje

UJub Jub kulindeleke ukuba abuyele enkundleni namhlanje

Ityala elijongene nomrepha nomsasazi kamabonakude uMolemo Maarohanye nowaziwa ngelikaJub Jub kulindeleke ukuba liqhubeke namhlanje kwinkundla kamantyi yaseRhawutini.

UJub Jub ujongene nezityholo zokudlwengula, ukuzama ukubulala kunye nokubetha.

UMaarohanye uzinikele kwisikhululo samapolisa eBrixton ekuqaleni kwalo nyaka emva kokuba kukhutshwe incwadi egunyazisa ukuba abanjwe.

Ekuveleni kwakhe enkundleni kwinyanga ephelileyo, iqela lakhe labakhuselayo lazama ukuba lo mcimbi uhlehliselwe umhla olandelayo, lisithi lo rapper unemidlalo elungiselelwe ixesha leziyunguma.

Nangona kunjalo, uMantyi uBetty Khumalo ukukhabile oku.

Izityholo ezibekwa uMaarohanye zinxulumene nezehlo ekutyholwa ukuba zenzeka ngo-2006 nango-2009. Ukususela ngoko uye wawaphika onke amatyala.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks