Sekubomvu ukuba sikhutshwe isigqibo ngetyala eliphakathi komdlali waseSerbia uSamir neRoyal AM.
Kubonakala ukuba ingasengxakini iRoyal AM ingakumbi ukuba bawa phantsi kwityala apho bacela umngeni kwisigqibo esathatyathwa ngumbutho olawula ibhola ekhatywayo kwihlabathi iFIFA sokuyalela eliqela iThwihli Thwahla ukuba libhatale umdlali onguNukorvic owayesakuba dlalela emva kwezityholo zokuqhawula isivumelwano sengqesho esisemthethweni.
Ukhumbule ukuba eliqela lagqiba kwelokuba lingamhlawuli lomdlali limtyhola kwayena ukuba ufuna imali yomhlala phantsi ngabo kungenjalo ufuna ukutyeba ngabo. Waye walishiya eliqela lomdlali wayokuzi bandakanya neqela iTS Galaxy.
Eliqela laKwaZulu Natala layekiswa yiFIFA kwakunyaka ophelileyo ukutyikitya abadlali de babhatale uSamir Nurkovic imali engangezigidi ezilishumi elinesibini (R12million) zeerandi.
IThwihli Thwahla yathi unotshe ayisokuze imnike lomdlali, bamtyikitya kwiqela leKaizer Chiefs. USamir watyikitywa nga-Amakhosi eSerbia. UJohn Moduka ongumqeqeshi weRoyal AM ungqinile into yokuba ukungavunyelwa kwabo ukuba baqeshe abadlali ibenze basinda ngokulambisa ezembeni, kuba kaloku elityala labo lirhuqa inyawo.
Kungentsuku zatywala kuzakucaca icala kulenyewe, ukuba iRoyal AM iyalahlwa lityala izakuba sengxakini enkulu. Ngokommeli weRoyal AM uLeruma Thobejane isigqibo selityala sizakukhutshwa ukusuka ngoku kude kube ngumhla weshumi elinesihlanu (15) Kule inyanga yeKhala.
By Siphiwo Boqwana