Owayesakuba yinkokeli yolutsha kwi-MK Party uBonginkosi Khanyile, oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala, ujongene nezityholo zokwaphula umthetho iRiotous Assemblies Act kunye neyelenqe lokwenza udushe esidlangalaleni ngezigrogriso zakhe ngenyanga yoKwindla zokuphazamisa unyulo lukaCanzibe, nothe wabanjwe ngoLwesihlanu umhla weshumi elinesithandathu (16).
Ngenyanga yoKwindla, kutyhilwa ukba uKhanyile wathi aluzukubakho unyulo ngaphandle kwe-MK Party emva kokuba i-IEC yayifuna ukuthintela inkokeli yayo uJacob Zuma ukuba angenele ukhetho kwiNdlu yoWiso-mthetho ngenxa yesigwebo sakhe seenyanga ezilishumi elinesihlanu (15) entolongweni ngenxa yokudelela inkundla.
“Ukuba bayayisusa i-MK kwaye basuse uZuma njengobuso bephulo, akuyi kubakho unyulo eMzantsi Afrika,” kutyholwa ukuba watsho ngelo xesha.
UKhanyile ukwajongene nezityholo zokuphembelela udushe kunye nokuphembelela udushe olwabulala abantu kwinyanga yeKhala ka 2021.
Owayesakuba yinkokeli yolutsha kwiMK ubanjwe licandelo lebutho lookhetshe KwaZulu-Natal Crimes Against The State, sitshilo isithethi sooKhetshe uCol Katlego Mogale.
“Esi sibhengezo sikwathetha ukuba abemi beli lizwe mabahlangane kunye baliphange ilizwe njengoko bekwenziwe ngaphambili kweyeKhala ka-2021. Ityala lolwaphulo-mthetho labikwa kwisikhululo samapolisa eBrixton waza uKhanyile wabanjwa kwinkundla kamantyi yaseThekwini ngethuba ebevela kweyeKhala ka-2021. yinto,” utshilo uMogale.
UKhanyile kulindeleke ukuba abuyele kwakule nkundla ngomhla wamashumi amabini anesithathu (23) kwinyanga yoMsintsi kuwo omabini amatyala emva kokuba ekhululwe ngebheyile.
Kwisithuba esingangenyanga emva kokugrogrisa ngokuphazamisa unyulo, uKhanyile wathumela ividiyo kumakhasi onxibelelwano esithi ungumntu otshintshileyo oyekile ukwenza intetho engakhathaliyo ephembelela udushe.