Uyakhula umdla kumaqela afuna umdlali weCape Town City uKhanyiso Mayo nto leyo eyenza ukuba iqela lebhola ekhatywayo laseNtshona Koloni iiCitizens zithande ukuba yindidi nokuba madolwanzima ngalomdlali.
UMayo ugqibe isizini ka2023/24 enamanqaku alishumi(10), eshiywa ngamanqaku amathandathu(6) ngumdlali ophumelele ukuba ngoyena ufake enamanqaku amaninzi kwisizini egqithileyo uTshegofatso Mabasa weOrlando Pirates.
UKhanyiso nonerminyaka engamashumi amabini anesihlanu(25) ubudala ufake amanqaku alishumi elinanye(11) kwiligi kuquka neendebe, nalapho athe wancedisa amatyeli amabini(2) ekufakweni amanqaku.
Ekupheleni kwesizini ka2022/23 uKhanyiso Mayo ubengumdlali ofake amanqaku ananinzi ebambene nomdlali weMamelodi Sundowns Peter Shalulile ngamanqaku alishumi elinesibini(12) umdlali ngamnye(1)
Iinjinga zeligi iMamelodi Sundowns, iKaizer Chiefs neOrlando Pirates sekukudala zabonakalisa umdla ngulomdlali noyifolosi. Nangona kunjalo iCape Town City yabonakalisa kwakuqala ukuba basafuna ukumgcina lomdlali kweliqela laseKapa nalapho baye babiza intloko yetrayini ngasezimalini.
Nangona iiCitizens zinokumamela kwisicelo semali entle kofuna uMayo kodwa yamnunusa ngeminyaka emihlanu(5) kwisivumelwano sakhe sengqesho nto leyo ezakumgcina ekweliqela kude kube yinyanga yeSilimela kunyaka ka2028.
UJohn Comitis ongumphathi weliqela laseMother City wabiza imali engangamashumi amathathu anesithandathu ezigidi zerandi(36million) nto leyo eyabalekisa lamaqela makhulu mathathu(3) oMzantsi afana neChiefs iPirates neSundowns kodwa ngoku abuyile enyuse umdla kulomdlali oyinzalelwane yeseGqebera.
Lomdlali nongunyana walowo wayesaku dlalela iKaizer Chiefs neBush Bucks eMthatha neBafana Bafana uPatrick Mayo ufunwa naliqela lasemantla e-Afrika.
By Siphiwo Boqwana