Home Iindaba Ukhululwe ephila usomashishini waseGqeberha ngaxhwili bakhe

Ukhululwe ephila usomashishini waseGqeberha ngaxhwili bakhe

Ibutho looKhetshe lingqinile ukuba usomashishini waseGqeberha owaxhwilwayo, uKelvin Naidoo, ukhululwe ngentseni yangoLwesine umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kweyeKhala.

Ukukhululwa kwakhe kuza malunga neveki emva kokuxhwilwa kwakhe ngaphandle kweshishini lakhe eKorsten.

UNaidoo ukwangusekela mongameli wendlu yezoshishino eNelson Mandela Bay.

Kwangoko amapolisa aqinisekisile ukuba kufunwa intlawulelo, kodwa athi iinkcukacha ezithe vetshe ziya kulandela.

UNaidoo oneminyaka engamashumi amahlanu ananye (51) ubudala enguMvelisi kunye ne-Technical Executive ye-Auto X yamisa kwindawo yakhe yokusebenza malunga ne ysimbi yesithandathu ekuseni e-Korsten, xa i-Nissan NP200, yamisa ngaphandle kwamacwecwe eenombolo pleyiti, yangqubeka kwisithuthi sakhe samnyanzela ukuba amise.

Kume enye iveni emva kwakhe kwabe kuphuma abarhanelwa abahlanu benxibe iibhalaklava bamkhupha uNaidoo kwiMercedes Benz yakhe.

Waphoswa kwinqwelo-mafutha ebalekayo baza abaqweqwedisi bakhe basaba kuloo ndawo.

Isithethi seeHawks uYolisa Mgolodela uthi isicelo sentlawulelo senziwa nje kwiiyure nje ezimbalwa emva kokuxhwilwa.

Akazange achaze isixa-mali njengoko yayingengomthetho wokwenza oko.

INelson Mandela Bay Business Chamber ivakalise ukukhululeka okukhulu ngokukhululwa kukaNaidoo nokubuyela kwakhe kusapho lwakhe.

Isithi imithandazo yabo kunye neengcinga zabo ziyaqhubeka ukuba naye kunye nosapho lwakhe.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks