Home Iindaba Ukhululwe ngebheyile uNota oyiManejala yeemvumi eMzantsi Afrika, osolwa ngokudlwengula.

Ukhululwe ngebheyile uNota oyiManejala yeemvumi eMzantsi Afrika, osolwa ngokudlwengula.

UNota Baloyi ukhululwe ngebheyile mva kokubanjwa kwakhe ngoLwesihlanu umhla wesine kweyeDwarha 2024, ngezityholo zokudlwengula ezifakwe ngumdlali weqonga u-Itumeleng Bokaba.

Picture: X account

By Nontando Ntsevu

UNota Baloyi onguManejala weemvumi zaseMzantsi Afrika oneminyaka engamashumi amathathu anesine (34) ubudala, nowazinikezela emapoliseni, unikwe ibheyile yeshumi lamawaka amahlanu (R5,000) eerandi ngoMvulo emva kokuchitha impelaveki entolongweni.

Umqathango webheyile yakhe kukuba angaqhagamshelani nommangali kwaye ityala lakhe lihlehliselwe umhla wesixhenxe kweyeNkanga 2024 ukuze amagqwetha ombuso adibane nommangali ukuze kuqhutyekwe nophando. UNota ongakhange akwazi ukuzibamba iinyembezi uthe uyavuya kuba ekhululekile.

“Ibiyimpelaveki echukumisayo kum ukusukela mhla utata wandizisa kwisikhululo samapolisa saseRandburg. Besazi ukuba impelaveki ndizayichitha entolongweni” uxelele amajelo eendaba iTshisaLIVE.

UNota uza kuvela enkundleni emva kokuzinikela emapoliseni.

“Senze konke okusemandleni ukuvuma ityala lokuba ndikhululwe ngebheyile ukuze kufunanyanwe ubulungisa.”

Bekuyimpelaveki ethanda ubanzinyana le kwaye eyenza ixhala ndingahlalisekanga kwaphela. Bendingafuni ukugqiba iintsuku ezisixhenxe eSun City.
Ndiyavuya kakhulu ukuba kuthintelwe kwaye ndikhululekile ukubonisa ubumsulwa bam kwaye ndenze yonke into ekufuneka ndiyenze ukuze ndizixhase.

“Bendicinga ngento ebendinexhala ngayo kwezi ntsuku zintathu. Usapho lwam lwalusiza kundindwendwela phantse yonke imihla yaye bendingakhululekanga ukuba lundityelele phantsi kweemeko ezinjalo, ngomgqobo weglasi.” UNota uthe ebengaqinisekanga ukuba uza kuyinikwa ibheyile kodwa uzimisele ukulihlamba igama lakhe nokungqina ukuba umsulwa.

“Xa kuxoxwa nabo bonke abanye abatyholwa, uyayibona indlela ubomi bakho obusezandleni zikamantyi. Xa ndandimi emgceni, uninzi lwabantu aluzange luyifumane ibheyile kwabalishumi elinesixhenxe ababefake isicelo. Ndandicinga ngokweemvakalelo ixabiso lenkululeko yomntu.”

08 eyeDwarha 2024
Ngu Nontando Ntsevu

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks