27.1 C
King William's Town
Monday, February 17, 2025

Ukuchacha koqoqosho kukwinqanaba eliphezulu eMpuma Koloni: Mabuyane

Inkulumbuso yephondo leMpuma Koloni uOscar Mabuyane uthi indlela yokuphucula uqoqosho kweli phondo inyukela phezulu, nangona eli phondo libhale umyinge wama-41. 9% wentswela-ngqesho kwikota yesithathu ka-2023.

Amalungu amahlanu e-Economic Freedom Fighters (EFF) kwindlu yowiso-mthetho yeMpuma Koloni akhutshelwe ngaphandle eAbbotsford Christian Centre eMonti apho ebezama ukuphazamisa intetho yeNkulumbuso yePhondo uOscar Mabuyane. USomlomo, uHelen Sauls-August, uyalele abezokhuseleko ukuba bakhuphe amalungu e-EFF kulo msitho. Oku kukhokelele kukruthakruthwano phakathi kwamalungu eEFF kunye nabezokhuseleko. Inkulumbuso yaqhubeka nentetha yayo kungekudala emva koko.

Urhulumente wephondo uthi iGDP yeli phondo iphucukile ukusukela kumanqanaba aphambi kwe-COVID-19 ukuya kwi-R365 yezigidi zeerandi ngo-2022.

UMabuyane uthi ngeli lixa izinga lokungondleki lihleli liphezulu, lehlile izinga lokubhubha kwabantu ngenxa yeNdlala ukusuka kwi-11.8% ngonyaka ka-2017 ukuya kwi-7% ngo-2022. Kananjalo inkulumbuso ithi bayibeke sweni inxalabo yeKhomishini yamaLungelo oLuntu yase-Afrika kwingxelo yayo yakutsha nje engokungondleki koMntwana kunye neLungelo loKutya. Esithi Njengongenelelo, batyala imali ezizigidi ezingama-R60 ukuxhasa amakhaya angama-30 000 asemngciphekweni kwiindawo eziChasene neNtlupheko…Oku kubandakanya iSibonelelo seNkxaso yaBantwana (CSG) esixhamlisa abantwana abangaphezu kwezigidi ezi-2, kunye nesondlo sesikolo esithe sandisa ukuya kutsho kwizidlo ezibini ngosuku.

” Sikwabonelele iintsapho ezingaphaya kwe-100 000 ngeendlela zokuvelisa ukutya ukuze sixhobise amakhaya ukuze akwazi ukuvelisa ukutya,” ucacise watsho uMabuyane.

UMabuyane uthi isebe lezempilo ephondweni libone ukwehla kwamabango omthetho kule minyaka idlulileyo. Uthi isebe lidla ngokumangalelwa ngomsebenzi onganelanga wabasebenzi bezempilo kunye nokungakhathali.

“Kubekho ukuncipha okukhulu kwenani lamabango ezonyango ukusuka ku-600 ngo-2019 ukuya kuma-200 ngo-2023. Sikwabone ukuhla kweendleko zetyala lezonyango ukusuka kwi-R2 yeebhiliyoni ukuya in kwi-R450 yezigidi ngo-2022.

UMabuyane uthi urhulumente usebenza ubusuku nemini ukulwa nolwaphulo-mthetho kweli phondo. Uthi bangaphaya kwama-2 000 abantu ababanjelwa ubusela bemfuyo kwaye ingaphezulu kwama-3 000 imipu engekho mthethweni efunyenwe kweli phondo. UMabuyane uthi kufuneka kuqiniswe umthetho ukuze kuqwalaselwe ulwaphulo-mthetho kweli phondo.

“Sicele urhulumente kazwelonke ukuba aqwalasele ukuqinisa amapolisa ukuze akhusele iindawo ezinkulu zokwakha. Iqela lethu elijongene nothutho ezindleleni kunye nolungiselelo lothutho lohlutha ukutya nempahla yomgunyathi; amayeza angekho mthethweni nangekho mthethweni; kunye nemidiza engavumelekanga. Siyayiqinisa le misebenzi.

Ngaphaya koko, sisabela kwisimo esikhathazayo sodushe lwemipu olubeka emngciphekweni ukhuseleko loluntu kwiphondo. Ukuza kuthi ga ngoku ngama-3000 emipu ebiweyo, elahlekileyo okanye engekho mthethweni efunyenwe kwiphondo lethu kuphela kule minyaka mithathu idlulileyo. Siqinise amandla amapolisa ngokuqesha amapolisa angama-3 400. Sibongoza uluntu lwethu ukuba luwamkele amapolisa kwaye basebenzisane nawo ukuthomalalisa umva ngokuchasene nolwaphulo-mthetho,” utshilo qhubeke watsho uMabuyane phakathi kwezinye izinto

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
27.1 ° C
27.1 °
27.1 °
59 %
1.3kmh
100 %
Mon
32 °
Tue
31 °
Wed
20 °
Thu
26 °
Fri
30 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks