Ukudutyulwe kwabulawa usomashishini eQonce

Usomashishini oneminyaka engamashumi amane anesithoba (49) ubudala udutyulwe wabhubha ngaphandle kwephabhu edumileyo eQonce ngoLwesibini umhla wesithathu (3) kweyoKwindla.

Isithethi samapolisa uBrigadier Nobuntu Gantana uqinisekisile ukuba kuvulwe ityala lokubulala

Esi siganeko senzeke malunga nentsimbi yeshumi elinesibini.

Ngokweengxelo zokuqala, ixhoba beliphuma kwintlanganiso lisiya emotweni yalo, ebeyipakwe ngaphandle kwephabhu yasekuhlaleni kunye nendawo yokoja inyama

Kuthiwa amadoda amabini axhobileyo asondele kuye aza avulela ngothotho lweembumbulu

UGatana uthi ixhoba lifumene amanxeba kwaye libhengezwa njengelibhubhileyo kwindawo yesiganeko.

Abadubuli babaleke ngeenyawo emva kokudubula.

Isizathu sokubulala asikaqinisekiswa kwaye siyinxalenye yophando oluqhubekayo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
34 ° C
34 °
34 °
33 %
3.2kmh
53 %
Fri
34 °
Sat
29 °
Sun
18 °
Mon
19 °
Tue
19 °

EZITHANDWAYO INDABA