By Lilitha Phenduka.
Ngokwengxelo ze-Daily Dispatch emva kweminyaka elishumi elinesihlanu (15), ibala lemidlalo yeNdebe yeHlabathi yeFifa ka-2010 eMthatha ayikagqitywa kwaye akukho themba lokuba iyakugqitywa ngenxa yokungabikho kwemali karhulumente. Ezi nkxalabo ziphakanyiswe ngethuba lomsitho wokuwonga i-Elliot-Madeira Charity Club obubanjelwe eHoliday Inn, eMthatha.
Ibala lemidlalo elixabisa i-R230m lakhiwa ngo-2010 ukuze lisetyenziswe njengendawo yoqeqesho kwiNdebe yeHlabathi yebhola ekhatywayo ka-2010, kodwa yavulwa ngokusesikweni emva kweminyaka emibini kuphela njengendawo eneenjongo ezininzi.
Oku kuthethwe nguMphathiswa wezeMidlalo, ubuGcisa neNkcubeko uSibulele Ngongo, uSodolophu wase-King Sabata Dalindyebo uNyaniso Nelani kunye neenkokeli zemibutho yezemidlalo eMpuma Kapa. UNgongo uthe isebe lakhe alinamali yaneleyo yokujongana nemiba yezemidlalo equka iziseko zophuhliso kweli phondo kwaye akukho mdla kumashishini abucala ukuba atyale imali kwezemidlalo.
Lo kaNgongo ukwathe bazakuzenza iinzame zokuba ibala ligqitywe kwaye libe negalelo kuqoqosho lwengingqi nophuhliso lwemidlalo hayi eMthatha kuphela kodwa nakwisithili sase-OR Tambo neMpuma Kapa iphela.
UNgongo ucele umngeni kwiinkokeli zase-KSD ukuba ziphucule imeko yebala lemidlalo, egxininisa amandla alo njengexabiso lezemidlalo noqoqosho.
Umongameli wombutho wezemidlalo eMpuma Kapa uMzondeleli Qototyi, usihlalo wophuhliso lweembaleki eMpuma Kapa uDalindyebo Nqadini kwakunye nomongameli weembaleki uKK Maxambela ulithakazelele inyathelo likaSibango lokuseka eli qela nokuwonga iimbaleki, ngelithi yinkuthazo kulutsha oluninzi ingakumbi abo basemaphandleni nabaphuma kumakhaya angathathi ntweni.
UMaxambela umemelele ukwabelwa imali ethe kratya kuphuhliso lwemidlalo kumanqanaba asezantsi, kuqinisekwe ukuba kukho amabala okudlala afanelekileyo kwiindawo ezisemaphandleni ngelixa abo baphethe uphuhliso kufuneka bafumane inkxaso equka uqeqesho olululo kunye neengcebiso.
