Home Iindaba ULISHIYILE ELI U ANESIPHO GOTYANA EMVA KOKUDLIKIDLWA NGUMHLAZA (CANCER) IXESHA ELIDE.

    ULISHIYILE ELI U ANESIPHO GOTYANA EMVA KOKUDLIKIDLWA NGUMHLAZA (CANCER) IXESHA ELIDE.

    Yaqala ngento nje encinci, waya kwiziko lempilo e Ngqushwa waxelelwa uba akhonto ingamandla yinto ezakuziphelela ekuhambeni kwamaxesha. Kwakungo June wonyaka 2022 ngexesha awayeqala ukuva lento, asekwaba umntu angazifundisa ukubuza kwabangaphezulu xa ebona isigulo esingaqhelekanga kuba lento ngeyayincedakele kwangelaxesha.

    Thina lomcimbi sidibene nawo kwiveki yokugqibela ka March walonyaka saza sakhawuleza ukukhangela uncedo, sibulela naku SASSA kuba baye bakhawuleza bamenzela Disability Grant kunye nalamali (Grant in Aid) yomntu oncedisayo.

    SIDLULISA ILIZWI LOVELWANO kusapho lakwa Gotyana / Lukashe; isikolo sakhe Iqhayiya SSS; abahlobo bakhe; nabemi belilizwe abazamileyo ukumnika uthando.

     

    Menze aphumle ngonaphakade Nkosi u Anesipho Gotyana, umkhanyisele ngokhanyiso olungacimiyo.

    Ofuna ukuthetha nekhaya makandibambe ecaleni okanye abambe u Miss Siphosethu no Mr. Mihle Tyuwa okanye isikolo Iqhayiya SSS, u Principal umnumzana Yengo kunye notishalakazi abemthanda kakhulu ongu Miss Ziphiwozihle Thomas.

    PETROS MAJOLA from Khula Community Dev. Project EC.
    25/05/2023

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks