Home Ezoshishino UMalema ufuna ukuba abaphangi berandi ngondlela mnyama bathathelwe uxanduva

    UMalema ufuna ukuba abaphangi berandi ngondlela mnyama bathathelwe uxanduva

    Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema uthi abo bathe balawula irandi xa bethelekiswa nedola kufuneka baphendule.

    Kwezi veki zimbalwa zidlulileyo, iKomishoni yoKhuphiswano ibonise ukuba ezinye iibhanki ezichaphazeleka kukusetyenziswa kakubi kwerandi zenza malunga netriliyoni yeerandi ngosuku phakathi kuka-2007 no-2013.

    Malunga nesihlanu kwiibhanki ezingama-28 ziye zavuma ukubandakanyeka ekusebenziseni imali kwiminyaka eyi-16 edlulileyo. Abanye baye bafuna indlela esemthethweni yokubhena kulawulo lweKomishoni yoKhuphiswano.

    UMalema uthi kufuneka kuthatyathwe amanyathelo ngakubenzi bobubi.

    “Aba baxhaphaze irandi beba iitrillion netrillion, abanabuso abaziwa, kodwa ngubani osemva kwezo bhanki, bunjani ubuso baba bantu, bahlala phi, abasixeleli.”

    NgoLwesithathu iNtloko yeKomishoni yoKhuphiswano uCartel Mohlala, uthe ukulungiswa okufikelelwe kwiibhanki ezivumileyo ukuba ziqhube le mali zisekelwe kubungakanani beefemu zabo kweli lizwe.

    Oku njengoko ikhomishini ibhengeze ukuba ingene kwisivumelwano solungiso kunye neStandard Chartered, esithe savuma ukuba netyala kwaye yavuma ukuhlawula isohlwayo solawulo se-R42.7 yezigidi zeerandi.

    Oku kwavusa impikiswano, kuba abanye babevakalelwa kukuba kukuqhwatywa kwesihlahla.

    Le komishini ikwaphanda ngothotho lwezinye iibhanki zalapha ekhaya nezamazwe ngamazwe ezifana no-Absa, Standard Bank, Nedbank, Barclays, kunye neBank of America.

    UMohlala uthe bazakuba novelwano kwabo baza ngaphambili babize nabanye.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks