Home Iindaba UMalema uncome uRamaphosa ngendlela awasingatha ngayo ungquzulwano lweG20 neMelika

    UMalema uncome uRamaphosa ngendlela awasingatha ngayo ungquzulwano lweG20 neMelika

    By Esona Magawana

    Inkokeli ye-Economic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema imncomile umongameli uCyril Ramaphosa ngendlela awawusingatha ngayo umlo weG20 kunye neMelika. IMelika yarhoxa kwintlanganiso ye-G20 yalo nyaka emva kokuba iqinisekise okokuqala ukuba iyakuzimasa intlanganiso eNasrec, eRhawutini. Ikwazazisile iinjongo zayo zokuba ayizukumema uMzantsi Afrika kwindibano yeG20 kunyaka ozayo eMiami, eFlorida.

    UMalema uthi uRamaphosa uwuphathe kakuhle lo mba kuba akukho lula ukulwa neMelika. “uRamaphosa uyiphathe kakuhle le ngxaki, ukuba ibindim, bekuya kuba kubi kakhulu. Uyabona, umba wobudlelwane bamazwe kunye ne-radicalism nayo yonke loo nto, kufununeka ulungelelanise kakuhle,umfo wayiphatha ngempumelelo kakhulu lonto,kwimeko apho wayejongene nobutshaba obunzulu, akukho lula ukulwa neMelika.”,Utshilo.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks