Inkokeli ye-EFF uJulius Malema ugxeke inkokeli yeDA uJohn Steenhuisen emva kwentetho yakhe malunga nokuphangwa kweVBS Mutual Bank ngethuba evula iingxoxo zePalamente ngoLwesihlanu umhla weshumi elinethoba kweyeKhala.
Ethetha ngeSepedi engakhankanyanga gama ngqo, uMalema uthe umntu onebanga leshumi ongazange ajongwe ngoogxa bakhe “ufika apha asibize ngabaphangi beVBS Mutual Bank”.
“Ndiyaqonda ukuba ingqondo yempuku ayizukuyiqonda into yokuba uhleli nabaphangi baseVBS Mutual Bank ngokwabo kurhulumente womanyano lwesizwe.
“Kwalo mfundi uphumelele ibanga leshumi uxhamle kwimpatho ye-R20bn yaseSteinhoff eyatyalwa yiPublic Investment Corporation,” utshilo ngethuba equkumbela intetho yakhe ebigxile kakhulu kwinto akholelwa ukuba uMongameli Cyril Ramaphosa ebefanele ukuyithetha.
Ngaphambili, uSteenhuisen uxelele amalungu e-EFF ePalamente: “Oomakhulu, abadla umhlala-phantsi kunye nezitokfela ezibiwe imali eVBS Mutual Bank abalali ngcono besazi ukuba abantu abazibayo banezidanga zobugqirha nezidanga zemasters.”
UMalema uthi uRamaphosa wothukile ngethuba esenza intetho yakhe xa engazange athethe ngobudlelwane bamazwe ngamazwe. Uthe abazukuphila kulomothuko.
Ugxeke umongameli ngokungabhekiseli kubudlelwane bamazwe ngamazwe kwihlabathi elichazwa “ngokuguquguquka kwamandla ehlabathi”.
“Iintloni kuni ukuba anithethanga nto ngembubhiso yaseGaza eyenziwa phambi kwethu kuba nikhethe uzuko kubantwana nabafazi basePalestina abafayo kuba nisoyika ukukhubekisa amaqabane enu amanyeneyo,” utshilo.
Yonke into ebithethwa ngumongameli ibingamampunge nanjengoko ibiyilento ebeyithetha kuzo zonke iintetho zakhe zobume besizwe ukusukela oko waba ngumongameli ngo2018, ngokokutsho kwenkokeli yeEFF.
“Uchaza umbono osebenza phantsi kwawo usengumbono ka-2030 weSicwangciso soPhuhliso seSizwe (NDP), ekujoliswe kuko okungazange kufikelelwe kwaye kungasoze kuphunyezwe.”
I-NDP bekufanele idale amathuba emisebenzi kodwa kwandile intswela-ngqesho. Injongo yayo ibikukunciphisa intswela-ngqesho nge-14% ngo-2020 kodwa intswela-ngqesho ngoku imalunga nama-32.9% kwaye abantu abangaphezu kwezigidi ezilishumi elinesbini (12) abanamisebenzi.
“Injongo ye-NPD ibikukunciphisa intlupheko ukusuka ku-39% ngo-2030 kodwa namhlanje intlupheko ingaphezu kuka-50%. Baninzi abantu abaphila entluphekweni phantsi kobumongameli bakho kunalo naliphi na elinye ixesha kule minyaka ingamashumi amathathu (30) idlulileyo.”
UMalema uthe i-NDP ekujoliswe kuyo yi-10% ye-GDP kutyalo-mali lweziseko ezingundoqo kodwa phakathi kuka-2010 no-2022 utyalo-mali lweziseko zophuhliso lwecandelo likarhulumente lube yi-5.8%.
“Azikho izigrogriso ezingabhadlanga zokubanjwa ezinokusivala umlomo, kwanokufa kunokusithulisa kuba ilizwi likamama uWinnie Madikizela-Mandela liphindaphindekile, ngumsebenzi wesizukulwana sakhe”
