Home Iindaba UMalema uza noNcedo neNtuthuzelo kumaxhoba ezikhukula eMthatha.

    UMalema uza noNcedo neNtuthuzelo kumaxhoba ezikhukula eMthatha.

    INkokeli yeEFF ithembisa ngemingcwabo enesidima kwiintsapho ezichaphazeleke zizikhukula, egxeka urhulumente ngokucotha ukuphendula kwiintlekele.

    Umfanekiso: INkokheli yoMbutho iEFF uJulius Malema, eMthatha etyelele amakhaya ateh athwaxwa zizikhukula kwinyanga yeSilimela 2025.

    INkokeli yeEFF ithembisa ngemingcwabo enesidima kwiintsapho ezichaphazeleke zizikhukula, egxeka urhulumente ngokucotha ukuphendula kwiintlekele.

    Izikhukhula zenyanga yeSilimela ezadlakaza uMthatha eMpuma Koloni, ziye zasuba imiphefumlo emalunga nekhulu elinanye kwaye zashiya amawaka bengenamakhaya, inkokeli yeEconomic Freedom Fighters (EFF) uJulius Malema ingenelele ukunika inkxaso emandla kwezintsapho.

    Umfanekiso: INkokheli yoMbutho iEFF kunye neKumkani yabaThembu kutyelelo lwabo eMthatha emveni kwamakhaya athe athwaxwa zizikhukula.

    UMalema utyelele iindawo ezithwaxwe zizikhukula ngempelaveki, edlulisa amazwi ovelwano kwiintsapho ezisentlungwini kwaye ethembisa ngoncedo lwe-EFF ngomngcwabo kunye neendawo zokuhlala ezingxamisekileyo. Utyelelo lwakhe luza phakathi kokugxekwa okukhulayo korhulumente waseMpuma Koloni wokucotha nokungonelanga kweentlekele.

    “Siza kubanceda siyiEFF ukuba bangcwabe abo babathandayo ngesidima,” utshilo uMalema kubahlali baseSinolwazi Centre, indawo yokuhlala yethutyana yamaxhoba ezikhukula. Wafunga ukuba uza kuqubisana namagosa athintela amalungelo eentsapho zokungcwaba, esithi: “Akukho mntu ufanele avinjwe amalungelo akhe okungcwaba.”

    Edityaniswe noNobhala Jikelele we-EFF uMarshall Dlamini kunye namanye amalungu aphezulu eqela, uMalema umamele intlungu yabahlali abagxothiweyo, uninzi lwabo luphulukene nayo yonke into. Abantwana bebelala kwiiholo ezixineneyo, bengenazo izinto eziyimfuneko njengeengubo, iimpahla, nezinto zesikolo.

    INkokeli yeEFF ithembisa ngemingcwabo enesidima kwiintsapho ezichaphazeleke zizikhukula, egxeka urhulumente ngokucotha ukuphendula kwiintlekele.

    Ezi zikhukula, ezichazwe njengenye yeentlekele zendalo ezimbi kakhulu ezenzeke kulo mmandla, zibangele umonakalo oqikelelwa kwi-R4 yeebhiliyoni zeerandi. Amakhaya angaphezu kwama-4,200 onakala, yaye abafundi abangaphezu kwama-48,000 inani baye bachaphazeleka emva kokuba izikolo ezingama-413 zonakaliswe zizikhukula.

    Elinye lawona mabali abuhlungu lelo likaSiyavuya Mkatshane oneminyaka elishumi elinesine ubudala, owabhubha esahamba isikolo. UMalema kunye neKumkani yabaThembu uBuyelekhaya Dalindyebo bebezimase umngcwabo wakhe. UMalema uthethe kwabo bazilileyo wathi: “Aninedwa- siyavelana kwintlungu yenu, kwaye sizakuhamba nani olu hambo lokunyanga.”

    UKumkani uDalindyebo woleke ngelithi: “Asinakuze sibuqonde ngokupheleleyo ubunzulu bentlungu yakho, kodwa silapha ukuza kuzila nawe…ukukukhumbuza ukuba aninedwa.”

    Utyelelo lukaMalema aluzange lwenze nje ukuthuthuzeleka ngokweemvakalelo kodwa luphinde lwaqaqambisa iintsilelo zikarhulumente.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks