Home Iindaba UManejala wePSL uAndile Ncobo ukhululwe ngesilumkiso emva kwezityholo zeGBV.

UManejala wePSL uAndile Ncobo ukhululwe ngesilumkiso emva kwezityholo zeGBV.

UManejala we-PSl u-Andile Ace Ncobo ukhululwe ngesilumkiso yinkundla kamantyi yaseKempton Park emva kokuchitha isithuba esingangeveki kwizityholo zokubetha ezibekwe liqabane lakhe.

Umfanekiso: UManejala wePSL, uAndile Ncobo.

By Esona Magawana.

UManejala we-PSl u-Andile Ace Ncobo ukhululwe ngesilumkiso yinkundla kamantyi yaseKempton Park emva kokuchitha isithuba esingangeveki kwizityholo zokubetha ezibekwe liqabane lakhe.

Nangona iqabane lakhe elineminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (24) ubudala liye lalichitha ityala lichaza ukuba alisafuni ukuqhubeka nezityholo, umtshutshisi wombuso uthe lizakuqhuba ityala.

UNcobo, orhola imali engaphaya kwamakhulu amabini amawaka (R200 000) eerandi ngenyanga, ongaphandle ngebheyile kwityala langaphambili kwizityholo zobuqhetseba kunye nokuxhaphaza imali eKapa, ​​unikwe ibheyile nangona umtshutshisi eyichasile.

UAndile Ace Ncobo ukhululwe ngoLwesibini emva kwezityholo zokubetha ezibekwe liqabane lakhe uAnney Xala emtyhola ngokumqhwaba ngempama emva kwengxabano eyenzeke kwiflethi yabo ngomhla wamashumi amabini anesibhozo (28) KweyeSilimela 2025.

UNcobo ochithe ixesha elingaphezulu kweveki kwiZiko loLuleko iMooderbee eBenoni, ukhululwe emva kokuba iqabane lakhe elineminyaka engamashumi amabini anesixhenxe (27) ubudala likhuphe ingxelo efungelweyo, lixelela inkundla ukuba akafuni kuqhubekeka nezityholo. Ngethuba kufakwa isicelo sebheyile ngoMvulo, kwafunyaniswa ukuba esi sibini sineminyaka emithandathu (6) sikunye.

Ngokwegqwetha lakhe uNcobo, uLeon Khoza, uNcobo akanakulibaleka ityala kufuneka anikwe ibheyile phantsi kwemiqathango engqongqo.

“Ndiyazithoba ukuba intando yobulungisa ivumele ukuba ndikhululwe ngebheyile ngokusekelwe kule miba ilandelayo: Akukho ntelekelelo yokuba ukuba ndikhululwe ngebheyile ndingabeka emngciphekweni ubomi boluntu okanye bamangqina, okanye ndiya kulibaleka ityala okanye ndoyikise amangqina” -uLeon Khoza.

UNcobo ukwabhengeze ukuba uzimisele ukuhlala kwenye idilesi, elinde ukuqukunjelwa kwalo mba.

Kusenjalo, umtshutshisi wombuso uTakalani Mukhumo akagungqi ngelithi urhulumente uyayichasa ibheyile, esithi uNcobo unomdla wokwenza amatyala.

“Akukho ziqinisekiso zokuba, ukuba umtyholwa ukhululwe ngebheyile akasayi kuphinda enze elinye ityala,” uthethe watsho.

UMukhalo ukwaxelele inkundla ukuba nangona uXala ecele ukurhoxiswa kweli tyala, urhulumente usaqhuba netyala ngakuNcobo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks