UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola, uzincomile iinzame zamapolisa zokudiliza amaqela olwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo kumazwe ngamazwe.
UMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke, uNjengele Fannie Masemola, uzincomile iinzame zamapolisa zokudiliza amaqela olwaphulo-mthetho olulungelelanisiweyo kumazwe ngamazwe. UMasemola uncome amapolisa kwindawo yexhwayelo yokuthengisa iziyobisi e-Fourways kumantla eRhawuti phezolo.
“Uluntu lwethu kunye nokhuseleko lwabo bonke abantu, kubandakanya oosomashishini, akulunganga ukuba boyike kweli lizwe. Qhubeka uqhubana nabo baqweqwedisi nabathengisi beziyobisi ngendlela efanayo naleyo uqhubana ngayo nazo naziphi na ezinye izaphuli-mthetho. Ndibamba ngazibini kubo bonke, nditsho noonjengele abanikhokelayo,” utshilo uMasemola.
Amapolisa athi iphulo lobuntlola likhokelele kwihotele yaseEastgate nakwizindlu ezimbini eFourways apho abambe abarhanelwa abathandathu ze athimba iziyobisi ezixabisa izigidi ezingamakhulu amathathu eerandi (R300 million) ekurhaneleka ukuba yi-Crystal Meth.
Kwelinye iphulo lamapolisa, usomashishini owaxhwilwa ekuqaleni kwale nyanga kuMasingcwabane eHelderkruin, eRoodepoort, naye uye wahlangulwa kumzi othile e-Lenasia izolo.
Abarhanelwa ababini babanjwe kuqala kwiveki ephelileyo. Kubanjwe abantu abasibhozo abarhanelwa ukuba baqweqwedise, kuquka nabemi abathathu baseTanzania.
Isithethi samapolisa kuzwelonke uAthlenda Mathe uthi amapolisa azimisele ukudiliza amaqela olwaphulo-mthetho olwenziwa kumazwe ngamazwe.
“Amalungu ethu asebenza nzima ekunciphiseni amaqela abandakanyekayo ekurhwebeni nasekurhwebeni kweziyobisi. Inkqubela phambili encomekayo iye yabhaliswa kwezi veki zidlulileyo, kwaye ezo mpumelelo sizityala amapoliseni ethu azinikeleyo kunye namahlakani ethu kulwaphulo-mthetho, kuquka nezokhuseleko lwabucala. Siza kuqhubeka nokulandela abo babandakanyeka kurhwebo lweziyobisi ezingekho mthethweni,” utshilo uMathe.