Home Iindaba Umasipala ombaxa waseBuffalo City kunye nee-arhente zogcino-mthetho ziqhuba ugqogqo kwindawo edume kakubi...

Umasipala ombaxa waseBuffalo City kunye nee-arhente zogcino-mthetho ziqhuba ugqogqo kwindawo edume kakubi yaseCalifornia eMonti.

Umasipala ombaxa iBuffalo City nokhokelwa ngamapolisa oMzantsi Afrika kunye neqela lezokhuseleko aqhuba ugqogqo kwisitalato saseCalifornia eSt Paul’s eNorth End, eMonti.

Ukuza kuthi ga ngoku bangamaShumi amabini anesixhenxe (-27 )abantu ababanjiweyo ngenxa yolwaphulo-mthetho olwahlukeneyo oluquka ukujongwa koqinisekiso lwemeko yokufudukela kweli.

Eli phulo lisaqhutywa kwaye zonke iivenkile ezikufutshane ziyagqogqwa kuquka neemoto.

Eli phulo liyinxalenye yokulwa ulwaphulo-mthetho, liqhutywa ngamacandelo ahlukeneyo amapolisa aquka abokufika, abezobuntlola, iK9, abecuphi, iBCM Law Enforcement, BCM Traffic Services kunye nePublic Order Police eMthatha naseGqeberha.

Isithethi seBCM uSamkelo Ngwenya uphefumle ngelithi, bafuna ukuncoma iinzame zamapolisa neqela lezokhuseleko lonke ngokwenza imisebenzi elolu hlobo. Wandule ngelithi oku kuza kuthumela umyalezo oqinileyo wokuba ubugebenga abusoze bunyamezelwe.

By *Anita* *Qubula*

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks