14.3 C
King William's Town
Wednesday, October 9, 2024

UMbutho i-ATM ufuna kwenziwe ubulungisa ngakumaxhoba esifo iListerioses.

UMbutho wezopolitiko i-ATM uvakalisa inkxalabo yabo malunga nokungabikho kobulungisa nokuthatha uxanduva ngakumaxhoba esifo i-listeriosis esathi esathwaxa uMzantsi Afrika kwiminyaka esixhenxe eyadlulayo.

I-ATM ithi ayamkelekanga into yokuba amaxhoba angapha kwewaka (1 000) achaphazeleka sesifo, esaqhambuka ngenxa yokungahoyi kwenkampani iTiger Brands, abakafumani mbuyekezo nangoku.

Esi siganeko singemndanga sesinye seengxaki ezibalulekileyo esinazo singuMzantsi Afrika malunga nokungakhuseleki kwezokutya ezimbalini zoMzantsi Afrika, kwaye sikwaveza nokungahoywa kokubaluleka kwexabiso lwempilo yomntu omnyama. Ukuqhubeka kokungathathi xanduva kwenkampani iTiger Brands malunga nezenzo zabo, okukhatshwa kokulibazisa kwe-inshorensi yabo, kugxininisa ukungxamiseka kokuba le nkampani ithathe uxanduva ngokukhawuleza.

Abantu baseMzantsi Afrika bafuna imiphumo epheleleyo yezenzo ezingakhathaliyo, efuna ubulungisa kumacandelo orhulumente nawabucala. Amaxhoba afanele ukuthathwa kwemvume kunye nembuyekezo yezenzo eziphantsi, ukuqinisekisa ukubandezeleka kwabo kuyavunywa.

Inkokheli yombutho iATM uVuyo Zungula ithi ilindele ukuba abo basetyaleni lokungakhathali, ukutsho oko, iTiger Brands, bathathe uxanduva kwaye amanyathelo afanelekileyo athathwe ngakubo.

“Njengabemi boMzantsi Afrika, ngokwendalo silindele ukuba abo benza ngokungakhathali kwaye babeke ubomi babemi boMzantsi Afrika emngciphekweni kufuneka bajongane neziphumo ezipheleleyo zezenzo zabo. Kubalulekile ukuba urhulumente kunye necandelo labucala bathathe amanyathelo aqinisekileyo ukuqinisekisa ukuba ubulungisa buyaphunyezwa. Amaxhoba okuqhambuka akafanelanga nje ukuvunywa ngokubandezeleka kwawo kodwa nembuyekezo efanelekileyo ngelahleko abayinyamezeleyo ngenxa yezenzo ezingekho mgangathweni,” utshilo uZungula.

I-ATM imemelela ukuba onke amaqela ezopolitiko athathe inxaxheba ekupheliseni amaqhinga athintele ubulungisa ixesha elide kakhulu.

Ikwakhuthaza urhulumente, amaqela ezopolitiko, amatsha-ntliziyo asebukhosini ase-Afrika, amaziko okholo kunye nabo bonke abemi boMzantsi ubkuuba kumanyanwe ekuqunisekiseni ukuba ubulungisa buyenziwa.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
14.3 ° C
14.3 °
14.3 °
86 %
1kmh
77 %
Wed
32 °
Thu
37 °
Fri
26 °
Sat
34 °
Sun
24 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks