Home Iindaba UMbutho i-MKP iyalele uDuduzile Zuma ukuba axolise ku-Floyd ngokumthuka.

    UMbutho i-MKP iyalele uDuduzile Zuma ukuba axolise ku-Floyd ngokumthuka.

    UDuduzile ngobusuku bayizolo ubhale kwiKhasi lakhe lika-X, ukuba uFloyd yeyona nto imbi eyakhe yavelela i-MKP.

    Umfanekiso: Ilungu lePalamente uDuduzile Zuma-Sambudla kunye noNobhala Jikelele wombutho uMkhonto weSizwe.

    UDuduzile ngobusuku bayizolo ubhale kwiKhasi lakhe lika-X, ukuba uFloyd yeyona nto imbi eyakhe yavelela i-MKP.

    Waqhubeka uDuduzile Zuma esebenzisa amazwi arhabaxa ngakuFloyd, esithi akamoyiki, ebonakalisa ukungamkhathaleli.

    Ngentseni yanamhlanje, ngezithuba zentsimbi yesibini (02:00), i-MKP yakhupha ingxelo ethi izenzo zika-Duduzile azihambelani nomthetho we-MKP wokuziphatha. Amarhe ke okuba uDuduzile wayengakuxhasi ukubekwa kuka-Floyd njengonobhala walombutho, ayaqinisekiswa zizenzo zakhe zokuba akakholwa ncam ngu-Floyd.

    Akakacaci ke unobangela wokuba uDuduzile aziphathe ngalendlela ngaku-Floyd.

    UDuduzile ke ukwalindeleke ukuba axolise kuwo onke amalungu namasebe alombutho. Ukuba akakwenzi oko, umbutho uthi, ubulungu bukaZuma kwi-MKP buyakucinywa kwaye akhululwe kuyo yonke imisebenzi yakhe kwi-MKP.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks