Home Iindaba Umbutho we UDM unethemba kurhulumente eGNU

    Umbutho we UDM unethemba kurhulumente eGNU

    UNobhala Jikelele we-United Democratic Movement uYongama Zigebe ukhuphe ingxelo ethi usuku lukaNelson Mandela lweHlabathi, umhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeKhala kulo umiyo, ngumsitho wehlabathi jikelele ozinikele ekuhlonipheni ubomi kunye nelifa likaNelson Mandela, iqhawe laseMzantsi Afrika elidumileyo nentshatsheli yamalungelo oluntu. Uthi olu suku lukhuthaza abantu kwihlabathi liphela ukuba babe ngabathunywa botshintsho kwaye bathabathe umngeni wokwenza umhlaba ube yindawo engcono. Uthi elisuku ligxininisa ekukhuthazeni iinqobo ezisemgangathweni zenkululeko, ukusonjululwa kwempixano, imvisiswano yobuhlanga, kunye nokuphakanyiswa kwentlalo noqoqosho.

    Unobhala kwingxelo yakhe uthi namhlanje umhla weshumi elinesibhozo (18) kweyeKhala yiNtetho yokuVulwa kwePalamente (OPA) kuLawulo lweSixhenxe. Into eyenza lo msitho ukhethekileyo, ngokungafaniyo nee-OPA zangaphambili, kukuba uMongameli Cyril Ramaphosa uza kuthetha nesizwe njengoMongameli woRhulumente woManyano lweSizwe (GNU).

    Uthi uSuku lukaNelson Mandela kunye ne-OPA yalonyaka zenzeke kwangolo suku lunye kwimibhiyozo yeminyaka engamashumi amathathu (30) yenkululeko, ukwathe luphawu lweenqobo ezisemgangathweni zenkululeko, nenkululeko exhaswa nguMgaqo-siseko, esithi ke noko eli lizwe kufuneka lizame ukukubonakalisa. Unobhala weUDM uthi nangona ifumanekile inkululeko yezopolitiko yabantu, basakhonkxiwe ngamatyathanga entlupheko, ukungabikho kwemisebenzi kunye nolwaphulo-mthetho.

    Umbutho iUnited Democratic Movement (UDM) wenze isigqibo sokuthatha inxaxheba kwi-GNU ngenxa yethemba elibeka kuyo ekusonjululweni kweengxaki ngokudibeneyo. “Uluvo lwabavoti lwenziwa lwacaca kolu lonyulo ludlulileyo, kwaye ngumsebenzi wethu njengabameli boluntu ukumamela – ixesha lokulawula iqela elinye liphelile.” Utshilo

    I-UDM ithi ikwajonge ngethemba, ekuhambeni kwexesha, ukuba inike inkcazo kumqulu wonyulo luka-2024 kwaye imamele izimvo neengxoxo zoogxa babo kwi-GNU. Ithi nokuba bathini na isiphumo solu nxibelelwano, yeyona njongo iphambili ye-UDM kukubeka abantu baseMzantsi Afrika kuqala kwaye kuqwalaselwe iimfuno zoqoqosho nokhuseleko lwabantu njengezinto eziphambili ngokubaluleka.

    “Sinethemba ngentetho kaMongameli Ramaphosa , ekufuneka ichaze amanyathelo alandelayo ekamva langoku loMzantsi Afrika, kwaye sinethemba elinyanisekileyo lokuba ayizukwenzeka njengesiqhelo.” Itshilo kwingxelo yalo.

    “Inyaniso yeyokuba uMzantsi Afrika ukude ngeminyaka emithandathu kuMbono wama-2030 wesiCwangciso soPhuhliso seSizwe weminyaka engamashumi amathathu, ojolise ekupheliseni intlupheko, ukungalingani, kunye nokulungisa ukungalingani ngokwembali. Sinethemba lokuba uMongameli Ramaphosa uza kuyichaza inkqubo yokukhawulezisa ukuphumeza ezi njongo ngowama-2030, aqale ngokuvuselela uqoqosho nokubeka phambili ukhuseleko lwelizwe. Oku kubalulekile kungekuphela nje kwintlalontle yabantu bethu kodwa nangenxa yokuba iindawo ezisingqongileyo ezikhuselekileyo zibalulekile ekutsaleni nasekugcineni abatyali-mali.”Iqhube yatsho ingxelo.

    I-UDM ithi inqwenelela bonke abemi boMzantsi Afrika uSuku lukaNelson Mandela lwaMazwe ngaMazwe olunempumelelo kwaye ivakalisa ithemba abanalo ngekamva leli lizwe phantsi koLawulo lweSixhenxe. Ixesha liza kuxela.

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks