18.2 C
King William's Town
Wednesday, September 18, 2024

UMbutho wezopolitiko iATM ubhalele uMphathiswa weSebe lezeKhaya eLeon Schreiber malunga nobume bukaChiddima Adetshina.

ISebe leMicimbi yezeKhaya liphantsi koxinizelelo lokujongana nothotho lwemibuzo ethe yavusa iingxoxo ezibalulekileyo kuluntu loMzantsi.

ISebe leMicimbi yezeKhaya liphantsi koxinizelelo lokujongana nothotho lwemibuzo ethe yavusa iingxoxo ezibalulekileyo kuluntu. Oku kuza emveni kokuba uluntu lwaseMzantsi Afrika luvakalise inkxalabo yabo malunga nomnye wabagqatswa bonobuhle bakaMiss South Africa 2024.

Impikiswano kuluntu lwaseMzantsi igxile kwiinkcukacha zemvelaphi ka-Adetshina, ngakumbi malunga nobumi bakhe baseMzantsi Afrika. Ziyanda iintelekelelo malunga nokuba semthethweni kwesimo sakhe, nto leyo ebangela ukuba kufuneke impendulo kwiSebe lezeKhaya.

I-ATM ithumele uMphathiswa Leon Schreiber uthotho lwemibuzo edinga iimpendulo malunga nemvelaphi ka-Adetshina.

Le mibuzo iquka:

1. Bazalelwa phi abazali bakaChidimma Adetshina?
2. Ingaba uChidimma Adetshina ngummi waseMzantsi Afrika?
3. Ingaba abazali baka-Adetshina babengabemi baseMzantsi Afrika ngexesha lokuzalwa kwakhe?
4. Ukuba abazali bakhe babengengoMzantsi Afrika ngexesha lokuzalwa kwakhe, bona noChidimma babufumana njani ubumi baseMzantsi Afrika?
5. Ukuba abazali bakhe babengengoMzantsi Afrika ngexesha lokuzalwa kwakhe, ngaba iSebe leMicimbi yezeKhaya labanika iSaziso sokuZalwa?
6. Ukuba abazali bakhe bangabemi abasemthethweni, ngaba iSebe lezeKhaya liziqinisekisile izicelo zabo zokuqala?
7. UChidimma kuthiwa wazalwa ngo-2001, ukanti abazali bakhe kutyholwa ukuba bafumana amaphepha-mvume okundwendwela emsebenzini kuphela ngo-2010. Ubumi bakhe balungiswa njani, yaye ngoobani amagosa achaphazelekayo?

ISebe leMicimbi yezeKhaya liyabongozwa ukuba linike ingcaciso ngale miba ukuze kupheliswe ukungaqiniseki okukhulayo nokugcina ukuthenjwa koluntu. Esi sicelo sigxininisa imfuneko yokwenziwa elubala ukusombulula into esele ingumxholo wengxoxo.

Ukongeza kwinkxalabo yobumi, kuye kwakho izityholo zokubukulwa kwabemi bamanye amazwe ezinxulumene nalo mba. Ukuphendula kwezi zityholo, i-ATM ithe bayafuna ukuyigxininisa itno yokuba uMzantsi Afrika waziwa ngoluntu olwahlukeneyo noluhlangeneyo, kwaye inkxalabo malunga nokufuna ukuqondisisa immo yabemi yabemi bangaphandle mayingatolikwa njengentiyo yabemi bamanye amazwe.

“Inkxalabo yoluntu ayikokubukulwa kwabantu basemzini kodwa kukuqinisekisa ukuba bonke abantu bayawuthobela umthetho,” satsho isithethi.

ISebe leMicimbi yezeKhaya liyecelwa ukuba liphendule le mibuzo ngokukhawuleza ukunciphisa inkxalabo yoluntu ejikeleze ubumi bukaChidimma Adetshina.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
clear sky
18.2 ° C
18.2 °
18.2 °
47 %
4.1kmh
7 %
Wed
21 °
Thu
13 °
Fri
13 °
Sat
18 °
Sun
23 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks