UMcoci wesibhedlele ubanjwe eLydenburg ngokuba nezicubu zomntu.

Amapolisa aseLydenburg abambe umsebenzi wasesibhedlele uRose Mnisi oneminyaka engamashumi amathathu anesithoba (39) ubudala emva kokufunyanwa ephethe iiPlacenta (izihlunu zemizimba zabantu obasandokubeleka) zabantu kwingxowa yeplastiki.

Eli bhinqa liye labanjwa e-Extension 2, eMashishing, ngoLwesithathu umhla weshumi elinesixhenxe (17) kweyoMsintsi 2025, waze wavela kwiNkundla yeSithili saseMashishing ngoLwesine.

Amagosa eCandelo le-K9 yaseLydenburg aye alumkiswa ngelithi kukho umntu wasetyhini ofuna ukuthengisa izihlunu zemizimba. UMnisi, owayekhwele inqwelo-mafutha esiya eNelspruit, wamiswa ngakwisitalato iVoortrekker, nalapho amapolisa amfumana ephethe ibhegi. Xa ephandwa wavuma ukuba unguye umcoci kwiwadi yokubeleka esibhedlele.

Umrhanelwa ubekwe ityala lokufunyanwa nezicubu zomntu ngokungekho mthethweni. Izinto ezithinjiweyo ebe zikwibhegi zathunyelwa ukuba zihlalutywe ngokomthetho, kwaye abasemagunyeni bachaza ukuba ezinye izityholo zinokulandela njengoko uphando lusaqhubeka.

UMnisi usavalelwe emva kokuvela kwakhe okokuqala enkundleni. Ityala lihlehliselwe umhla wamashumi amabini anesihlanu (25) kwinyanga yoMsintsi 2025 ukuze kuqhutyekwe nophando oluqhubekayo kwakunye nesicelo sebheyile.

Ibambela lomkomishinala wephondo uMajor General Zeph Mkhwanazi ukwamkele ukubanjwa kwakhe, ebulela abahlali ngokuncedisana namapolisa ngolwazi.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
20.6 ° C
20.6 °
20.6 °
89 %
2.4kmh
60 %
Sat
28 °
Sun
18 °
Mon
21 °
Tue
18 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA