17.8 C
King William's Town
Friday, September 6, 2024

Umdlali wepiyano wamazwe ngamazwe uzakunika imbeko kwisithixokazi sakwaZulu, eGuild Theatre.

UNduduzo Makhathini uzakubhiyoza isithixokazi samaZulu, evalelisa inyanga yamanina.

Umdlali wepiyano kunye nesifundiswa soMzantsi Afrika uNduduzo Makhathini kulindeleke ukuba avale iNyanga yamanina eGuild Theatre eMonti ngomhla wamashumi amabini anesithoba (29) kweyeThupha 2024. UMakhathini uzakube ecula umculo okwicwecwe lakhe lakutshanje elithi, uNomkhubulwane, elilicwecwe lakhe lesithathu alikhupha phantsi kwenkampani yodumo iBlue Note.

Icwecwe elithi uNomkhubulwane linika imbeko kuthixokazi wamaZulu uNomkhubulwane. Lo msebenzi unamandla wenziwa ziintshukumo ezintathu zomculo, nganye iphonononga imixholo enzulu neyomoya.

 

UMakhathini uzakube ekunye neqela leemvumi ezinobuchule eqongeni, kuquka uAyanda Sikade kwiDrums, uBenjamin Jeptha odlala i-Double Bass, noLinda Sikhakhane kwi-Tenor Sax. Iindwendwe ezikhethekileyo ezi zakube zikhonaq nguDumza Maswana noSakhile Simani nabo baza kucula.

UNduduzo Makhathini akangomntu wethu apha eMpuma Koloni. Ukhe wajikeleza ecula neemvumi ezaziwayo ezifana noZim Ngqawana noFeya Faku. Ukwakhokele isebe lomculo kwiYunivesithi yaseFort Hare iminyaka eliqela, enegalelo ekuphuhliseni amagcisa amaninzi asekuhlaleni, kuquka nokusebenza kwingoma kaThandiswa Mazwai ethi Sankofa.

UNomkhubulwane asingomculo nje. Intshukumo yokuqala, “I-Libations,” ithetha kwiinkumbulo ezidibeneyo kunye nemizabalazo eqhubekayo yabantu abaMnyama. Intshukumo yesibini, “Imimoya Yamanzi,” inika impiliso kunye nokuhlaziywa. Intshukumo yokugqibela, “Ukufikelela Kwangaphakathi,” igxile kwinkululeko, ithemba, nobabalo.

UMakhathini usikhumbuza ukuba uNomkhubulwane luphawu lwendalo kaThixo, uthixokazi omele indalo, ukukhanya nokuchuma. Unamandla anokuthi abonakale ngeendlela ezahlukeneyo, ukusuka kwizilwanyana ukuya kwimvula, emele ububele kunye nokulinganisela.

Ngale ntsebenzo, uMakhathini umema wonke umntu ukuba acamngce ngenkululeko nolungelelwano ebomini bethu. Umculo wakhe ulikhwelo eluntwini ukuba lwamkele indlela entsha yokuphila, ekhokelwa ziingoma zikaNomkhubulwane.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
broken clouds
17.8 ° C
17.8 °
17.8 °
40 %
2.3kmh
61 %
Fri
17 °
Sat
17 °
Sun
17 °
Mon
14 °
Tue
21 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks