13.6 C
King William's Town
Saturday, October 12, 2024

Umdlalo omkhulu ngoMgqibelo phakathi kwaMakhosi neeBrazilians ubudaka iintlantsi.

By Siphiwo Boqwana

ISundowns iyibethele kowayo iChiefs emva kokubuya ngasemva kumdlalo ububhide usompempe.

Indlela entle eliyiqale ngayo isizini iqela lebhola ekhatywayo leKaizer Chiefs iye yamiswa ngxi yi Mamelodi Sundowns ngethuba iwabethela kowayo Amakhosi. Eli qela laseNaturena libethwe ngamanqaku amabini kwelinye ngoMgqibelo, apho bezimisele ngeyona ndlela ingathethekiyo iChiefs kumabala aseFNB neyaziwa njengeSoccer City nalapho inkundla ibizele imi ngeembambo emva kokuthengwa kwamatikiti aphela.

Lo mdlalo wangoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMsintsi inyanga ubutaka iintlantsi de wayokuphela utshisa bhe. Bekucace mhlophe okwekati ehlungwini ukuba bekudibene izinto ebezikade zizondana, kunjalo nje beziphethelene imbengwana.

Kwisiqingatha sokuqala iChiefs ihlasele zibekwa nalapho iye yavuzwa ngenqaku elifakwe kumzuzu wethoba nguChivivairo kwisiqingatha sokuqala somdlalo kodwa abafana bokuThula noXolo abalazanga elidlalayo emva kokubuya kwe-Abu Yellow sele ivutha amalangatye nalapho iye yahlasela kanobom ihleli ingapheli kumhlaba weChiefs.

ISundowns ngenyawo likaRibeiro Costa iye yawalinganisa amanqaku lalinye macala (1-1). Kuthe kungekudala abalandeli beChiefs besenethemba, bagqejwa olungophiyo ngethuba iye yahlala kanobomu kumhlaba weChiefs iSundowns nalapho iye yafumana inqaku lempumelelo yatsho yahamba phambili ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) ngenqina likaIqraam Rayners.

Siphele isiqingatha sokuqala somdlalo ihamba phambili iSundowns, kwisiqingatha sesibini ihlasele ngamandla iKaizer Chiefs ingakumbi emva kokufakwa kwabadlali abafana netyendyana elineminyaka elishumi elinesibhozo (18) ubudala uMfundo Vilakazi, uAshley du Preez, uNjabulo Blom noSaile nabathe benza umohluko.

URonwen Williams ebenqanda amanzi engena endlini kubonakala ukuba uxakekiswe ngamandla, egeza ngabadlali beChiefs befuna ukugqobhoza. Ibhola eye yahlala emnatheni kaVilakazi kuthiwe uye walalela. Kanti kukwakhona ukukrokra kwinqaku lesibini leSundowns kubalandeli, nqaku elo lifakwe ngumdlali weSundowns uRayners nobesakudlalela iStellies saseKapa.

Kwelinye icala iOrlando Pirates ngethuba indwendwele iRichards Bay eThekwini ngeCawa ifumene inqaku kwimizuzu yokugqibela yabe iyaphumelela ngenqaku elinye eqandeni (1-0).

NgoMgqibelo umhla wamashumi amabini anesibhozo (28) kweyoMsintsi inyanga iCape Town City ibethe iSupersport United ngenqaku elinye eqandeni (1-0), iiCitizens ziphumelela okokuqala kulesizini kanti nayo iMarumo Gallants iphumelele okokuqala ngethuba ibetha iAmazulu nekwindawo yasemsileni ngoku emva kwalomdlalo ngenqaku elinye eqandeni (1-0).

Iqela laseMpuma Koloni iChippa United nelizinze eGqeberha libethe iTS Galaxy ngamanqaku amabini kwelinye (2-1) eNelson Mandela Bay ngeCawa. IMagesi ibambene ngeqanda (0-0) neRoyal AM yaze yona iSekhukhune United yabetha iGolden Arrows ngamanqaku amabini kwiqanda (2-0).

Umdlalo wePolokwanE City neStellenbosch FC nobudlalwa phezolo uphele untanganye, la maqela efumene inqaku macala (1-1) kulo mdlalo.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
overcast clouds
13.6 ° C
13.6 °
13.6 °
89 %
1.2kmh
100 %
Sat
36 °
Sun
31 °
Mon
17 °
Tue
16 °
Wed
15 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks