Home Iindaba Umdlwenguli omkhulu ugwetyelwe amatyala aluthotho yinkundla yaseBhisho namhlanje.

Umdlwenguli omkhulu ugwetyelwe amatyala aluthotho yinkundla yaseBhisho namhlanje.

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Koloni, eBhisho, igwebe uSipho “Mahlathini” Mjuza (49) ubomi entolongweni kunye neminyaka engamashumi amabini anesithathu (23)

INkundla ePhakamileyo yoMzantsi Afrika, kwiCandelo leMpuma Koloni, eBhisho, igwebe uSipho “Mahlathini” Mjuza (49) ubomi entolongweni kunye neminyaka engamashumi amabini anesithathu (23) ngexesha leminyaka esixhenxe apho waye grogrisa eqhekeza izindlu zamanina ewadlwengula.

Inkundla imgwebe ubomi ngokudlwengula ixhegokazi, ishumi elinesihlanu leminyaka (15) ngokudlwengula kunye nesibhozo yokuqhekeza. Ngelishwa, akazange agwetywe ngokudlwengulwa kwelinye ixhoba elisele likhulile, nangona wabhaqwa ngeDNA. Le nkonde ayizange ikwazi ukunika ubungqina ngenxa yokuba wayenesifo sengqondo esiyingozi ngenxa yokwaluphala.

Lo kaMjuza wenze olu lwaphulo-mthetho kwizithili zoomantyi ezahlukeneyo, phantsi kweBhisho, Makhanda kunye noCentane, eMpuma Koloni, nto leyo enyanzelise ukuba amatyala akhe alawulwe kwindawo enye. Kuzo zonke ezo ziganeko, amaxhoba awakwazanga ukuchonga umhlaseli wawo.

Wabanjwa kuphela emva kokuba efunyenwe enetyala lokuqhekeza umzi kunye netyala lokuzama ukudlwengula elinganxulumananga nesehlo esenzeke kweyoMnga ngo2015 eMonti, nalapho wagwetywa iminyaka elishumi elinesithandathu (16) entolongweni. Ngenxa yolo gwebo, incindi yakhe yafakwa kuvimba weenkcukacha zeLebhu yeNzululwazi.

Ngorhatya lomhla wesithandathu (06) Septemba 2008, ixhoba elalineminyaka engamashumi amathandathu anesibini (62) ngelo xesha lalisandul’ ukuhlamba xa lahlaselwa ngumntu owaphula isibane waza walidlwengulela ekhayeni lalo kwilali yaseTamara, kufutshane neQonce.

Omnye umakhulu oneminyaka engamashumi asibhozo nanye (81) wahlaselwa wadlwengulwa ngethuba elele kwindlu yakhe eFort Murray kufutshane nesithili saseZwelitsha.

Ngomhla wamashumi amathathu (30) kweyoKwindla ngo-2015, omnye wasetyhini omdala wayelele kwilali yaseFingo eMakhanda ngethuba umnyango wegumbi lakhe watyhalwa wavuleka ngumhlaseli owamdlwengula ephethe imela phambi kokuba abaleke kwindawo yexhwayelo.

Omnye umama kamva waphathwa kakubi ngethuba wayephuma kumsitho wesintu kwilali yaseNantsana kuCentane ngomhla we-04 kuTshazimpuzi 2015. Waxhatshazwa ngokwesondo ngumntu angazange amchaze. U-Mjuza uye wanxulunyaniswa kamva kunye nawo onke la matyala ngeDNA.

Ebudeni bokuxoxwa kwetyala, wawaphika amatyala ngelithi unokulibala okungapheliyo xa enxilile yaye akakhumbuli esenza ulwaphulo-mthetho.

Ngobungqina obuphambili bophando nolomlomo, iGqwetha loMbuso uNocwaka Tokota ukwazile ukukholisa inkundla ukuba uMjuza unetyala njengoko wayebekwa ityala.

Onke amatyala obundlobongela obuphathelele kwezesondo aphazamisana namalungelo esidima kunye nemfihlo yamaxhoba njengoko ebhaliwe kumgaqo-siseko wethu kungoko iNPA itshutshisa la matyala ngokungqongqo.

Exit mobile version
Enable Notifications OK No thanks