Ngokwengxelo zeendaba ze-Algoa FM, umfundi weBanga lokuqala (1) kwisikolo samabanga aphantsi i-Iketleng eHammanskraal eRhawutini ufunyenwe enesifo iM-pox.
Isithethi sesebe lezemfundo eRhawutini uSteve Mabona uthi ityala lixelwe kwesi sikolo ngoLwesibini kwaye lityala lokuqala elirekhodiweyo kwisikolo sikarhulumente kweli.
Uthi le ntwazana isiwe esibhedlele ngoMvulo emva kokubonakalisa iimpawu.
Lo mntwana ebetyelele izalamane eBoplaas kule mpelaveki iphelileyo apho ezinye zezalamane zakhe bezibonakalisa iimpawu zeMpox.
UMabona uthi ekubuyeni kwakhe ekhaya, warhawuzelelwa zizilonda kwaye abazali bakhe bathathe amanyathelo akhawulezileyo baxela esi siganeko esikolweni ngoLwesibini.
Uthi iSebe lezeMfundo eRhawutini, lisebenzisana neSebe lezeMpilo eRhawutini, liza kuqalisa ngoko nangoko zonke iindlela eziyimfuneko zokunqanda le meko kwaye kuthintelwe ukunwenwa ngakumbi.
