Ityala elijongene noMfundisi uTimothy Omotoso lokudwengula nabanye ababini atyholwa nabo uZukiswa Sitho noLusanda Sulani liyaqhubeka kwinkundla ephakamileyo yaseGqeberha eMpuma Koloni namhlanje.
Ngexesha lokuvela kwakhe okokugqibela enkundleni kwiveki ephelileyo, igqwetha licele uJaji u-Irma Schoeman ukuba awarhoxise onke amatyala ngakummangalelwa, esithi eli tyala alikho kumgaqo-siseko kwaye alinabulungisa.
Oku kungenxa yesityholo sokuziphatha ngendlela ethandabuzekayo nengekho sikweni yobesakuba ngumtshutshisi uNceba Ntelwa.
NgoMdumba, u-Omotoso kunye nesibini atyholwa naso baye bafumana uloyiso xa uSchoeman eyalele ukuba kufakwe amangenelo awodwa kwifayile yenkundla. Ijaji inike izitenxo ezintathu (3) kwezisixhenxe (7) abakhuseli abakholelwa ukuba zenziwe kwicala likarhulumente.
La mangenelo mathathu athi uNtelwa wenze isiphakamiso kubaphathi bakhe ukuba amangqina amathathu kaRhulumente enze isifungo sobuxoki, ukusilela kwabo bonke abameli ababandakanyekayo ekuvezeni izinto eziphikisanayo kubungqina bamangqina kunye nokuba abaphathi bakaNtelwa bamvumele ukuba aqhubeke nokutshutshisa eli tyala nangona wayeziphethe ngendlela ethandabuzekayo.
Amanye amangenelo angawavumelanga uJaji uSchoeman ukuba angene kwifayile yenkundla, abhekiselele ekusileleni kwenkundla ukuphanda ukuba ingaba uNtelwa uwacebisile na amangqina ukuba enze ubumenemene kunye nokusilela kombuso ukudiza ukuba uNtelwa uye waseka iqela likaWhatsApp awayenxibelelana nalo nabamangali.
USchoeman uthe amanye amangenelo aye angabinamsebenzi ngenxa yokuba abamangalelwa bakhululwa kumatyala athile, nalapho amangqina kutyholwa ukuba akhuthazwa ukuba azinikele.
Ngo-Okthobha kulo nyaka uphelileyo, isicelo seCandelo 174 sokuba izityholo zirhoxiswe ngakumtyholwa asizange siphumelele.
Urhulumente wayefuna ixesha elingakumbi lokujonga esi sicelo.
