By Sophumelela Singqota
Emva kokuhamba umgama oziikhilomitha ezingamawaka asibhozo (800) ukusuka eGqeberha ukuya eKapa, uZolani Zondani oneminyaka engamashumi anesibini asibhozo (28) ubudala ugqibe uhambo lwakhe olunamandla oluzimisele ukwazisa abantu ngempilo yengqondo yamadoda, nto leyo ekhuthazwe kukulahlekelwa ngumninawa wakhe ngenxa yeziyobisi.
UZondani waqala uhambo lwakhe ngomhla weshumi elinesithathu (13) eyeDrwarha, ephethe ubhaka weempahla, iibhanana ezimbini, iapile, iibhotile ezintathu zamanzi, kunye nentonga eqingqwe ngesandla – konke oko ebhala yonke imihla kubalandeli bakhe abangaphezu kwa-mashumi amathandathu amawaka (60 000) ku facebook.
Ufike eKapa ngoLwesibini wamnkelwa ngokufudumeleyo nguSodolophu uGeordin Hill-Lewis.
Wade wakhatshwa ngamagosa omthetho kunye nabalandeli bakhe ukuya esixekweni.
“Akukho mntu uvele avuke ashiye umsebenzi ahambe aye eKapa,” utshilo uZondani.
“Ndenze oku ngenjongo enkulu, ukuqhawula ukuthula malunga nempilo yengqondo yamadoda.”
Uhambo lukaZondani luphawule ukusungulwa kwephulo lakhe lempilo yengqondo, “Broski – The Living Experience”, elijolise ekudaleni iindawo ezikhuselekileyo zokuba amadoda avuleleke ngokwasemphefumlweni, acele umngeni kubudoda obuyityhefu, nokuxhasana.
“I-Broski’ ivela kwi-slang ubhuti,” wachaza. “Ngeyamadoda azimisele ukukhululeka omnye komnye. Sifundiswe ukuba amadoda okwenene akakhali, kodwa ngamanye amaxesha, iinyembezi zithetha ngaphezu kwamazwi.”
“Andikwazanga ukumsindisa umntakwethu, kodwa ndiyakwazi ukunceda abanye,” utshilo.
Inkxaso yoluntu kunye namandla eendaba zoluntu
Abemi boMzantsi Afrika baphendule ngesisa: ngokunika ukutya, indawo yokuhlala, ukuhanjiswa kwe-e-wallet, kunye nenkuthazo.
“Ndancedwa ngabantu bazo zonke iindidi zobomi. Ndahlala kwi-Airbnb, ndisondliwa, yaye abantu endingabaziyo bandithumelela imali ukuze ndiqhubeke”.
“Ubuntu buseyinyani eMzantsi Afrika,” wongeze watsho.
Nangona wayenentlungu emzimbeni, kuquka amadyungudyungu, ukudinwa, nokuleqwa ziinkawu eKnysna eNtshona Koloni, ububele awadibana nabo bamqhubela phambili.
“Ibiyinto etle kakhulu. Ndibulela kakhulu. Inkxaso indibonisile ukuba lo mbutho uyafuneka.”
Umbono wesizwe
UZondani uceba ukubhalisa “iBroski kwaye asebenzise imali efunyenwe ngethuba lohambo ukufumana izixhobo zokwakha kwiziko lokuqala eMpuma Koloni, namasebe azayo acetywayo kuMzantsi Afrika wonke.
Iqhawe lamkelekile
Njengoko wayesondela kuSir Lowry’s Pass, inkitha yabantu, abasebenzi beendaba, kunye namagosa ogcino-mthetho bahlanganisana ukuza kumamkela.
Abanye bade bagqibezela naye uhambo lwakhe eCBD, apho u-Hill-Lewis wayelinde khona.
“Kwakuchukumisa iimvakalelo,” ukhumbule uZondani.
Andizange ndicinge ukuba usodolophu uya kundamkela.
UHill-Lewis uluncomile olu hambo njengoluncomekayo watsho esithi uZondani utsalele ingqalelo ngempumelelo kwingxaki esoloko ingahoywa.
“Uhambo lwakhe lufikelele kumakhulu amawaka, bekuchulumancisa ukumamkela, wenze kakuhle, kwaye ndiyathemba ukuba uyalonwabela iKapa,” utshilo usodolophu.
UZondani uthe uzakuchitha iintsuku ezimbalwa enxibelelana eKapa phambi kokuba abuyele eGgeberha emsebenzini.
“Andinakukwazi ukuba sekhefini ngonaphakade,” wancuma.
“Ndinephupha lokugcina inkxaso-mali.”
