Home Ezolonwabo UMiss wama-2K, uMiss weeNtsuku zokugqibela

    UMiss wama-2K, uMiss weeNtsuku zokugqibela

    USivuyisiwe Jwambi, ongutitshalakazi kwisikolo esiphakamileyo iDavid Mama, eMdantsane, utyunjiwe ukuba angenele ukuphiswano kwiiMbasa zokuGqwesa ekufundiseni abantwana. Ezi mbasa zizakubanjwelwa e-ICC eMonti, ngomhla weshumi elinesithoba (19) kuTshazimpunzi 2024.

    UJwambi ongutitshalakazi kwisikolo esiphakamileyo iDavid Mama, eMdantsane, utyunjiwe ukuba abeyinxalanye yabantu abasethubeni lokuvuzwa ngenxa yegalelo abanalo kwimpumelelo yezemfundo eMpuma Koloni. Ezi mbasa ziququzelelwa nguMphathiswa weSebe leMfundo, uFundile Gade.

    USivuyisiwe oligqiyazana elazalwa lakhuliswa kwilokishi yaseMdantsane, uligqibelo kubantwana bakowabo abane kwaye nguye yedwa intombi. Ukhuliswa ngumama wakhe kwaye uthi wayengoyena mntwana wonwabileyo esakhula kwaye ungavakali lamsantsa wokuba akanaTata ngenxa yothando nenkxaso awayeyifumana kumama wakhe.

    Eli gqiyazana lithi lakhula lizazi ukuba izifundo zeZibalo kunye nezeNzululwazi zizinto azithandayo kwaye agqwesa kuzo.

    “Ndandizazi ukuba ndiyazithanda izibalo and kunye nezeNzululwazi. Emva kokuba ndisebenze kwiSebe leMfundo, ndabe ndandincedisa abantwana besikolo ngezifundo apho ndabandakanyeka kuwo onke amalinge ezeNzululwazi (eyeNdalo, eyoBomi etc). Ndandiyithanda into endandiyenza kwaye yayingekho kude nokufundisa. Ukusukela ngoko, ndayazi ke ukuba le yeyona nto ndiyifunayo ngentliziyo yam yonke, kwaye umama wam wayengumfundisi-ntsapho ngoko ke yabalula yonke le nto kum”, utshilo uSivuyisiwe.

    Le ntombi yaqala ukuba ngumfundisi-ntsapho ngo-2022 eDavid Mama emveni kokufumana isiqinisekiso sakhe sokufundisa ngo2020 kwiDyunivesithi iWalter Sisulu. Phakathi konyaka ka-2020 ukuyotsho ku-2021 ebengumfundisi-ntsapho wethutyana kwisikolo saseDucats wasuka apho waya ngqo eDavid Mama, eMdantsane.

    USivuyisiwe uthi eyona nto imkhuthazayo ngomsebenzi wakhe kuxa umntwana ephucula amabanga akhe, nto leyo inganelisi bona nabazali bakhe nje kuphela kodwa ukubabona benesimilo esilungileyo kumnika uvuyo olukhulu, njengoko befumana amabhaso abo kwaye befumana namanqaku behlangabezana nezona mfuno zisezantsi zeeDyunivesithi ukuze baqhubeke nemfundo ephakamileyo.

    “Umsebenzi wamaphupha abo ngokwenene unomvuzo ngokwaneleyo kum”, wongeze ngokutsho.

    Ezona zinto zimonwabisayo uSivuyisiwe njengomfundisi-ntsapho kuxa wayefumene isatifikethi sokunconywa kwisithili ngezingaa lokupasa engu-94,1% kwiimviwo ze-NCS zango-2023. Ukuba ngumhlohli kwinkqubo zakwa Jenn zongenelelo ngoncedisa kwisithili kuLwazi lweMathematika (Mathematic Literacy) ka-2023 no-2024. Kanti ukwangumsunguli kwinkqubo yobuNkokheli (Prefects) eDavid Mama ngonyaka ka-2023.

    “Abafundi basiwa kuqeqesho lobunkokeli baze babuye ukuze basebenze ngempumelelo ekukhokeleni oontanga babo. Njengoko umgaqo-nkqubo ololu hlobo wayilwa kwiinkqubo zesikolo kwaye useyinxalenye yomgaqo-nkqubo wesikolo. Le nkqubo isasebenza kwaye incedisa kulawulo lwabafundi, ukungabikho esikolweni, ukuza kade, ukungalandelwa ngqo kokunxitywa kweyunifomu yesikolo kwancitshiswa kakhulu kwaye kwanceda iinkokeli zabafundi ukuba zigqwese kumsebenzi wazo wesikolo”- Sivuyisiwe.

    Xa ebuzwa yintatheli yejelo lezeNdaba i-EC Indaba ukuba yintoni yena ayifundileyo okanye ayifundayo kubafundi bakhe njengetitshalakazi uthe:

    “Njengomfundisi-ntsapho, uhlala ufunda. Kubaluleke kakhulu ukunxulumana nabafundi bakho bangoku (ama 2k). Ukuze ufikelele kubo wena njengomfundisi-ntsapho kufuneka uhambelane neemfuno zabo, amaphupha abo, ulangazelelo lwabo uqinisekisa hayi nje ukuba bayabonwa kwaye bayaviwa”.

    Ukwamkelwa njengotitshala onempembelelo kumakhasi ezonxibelelwano kuqinisekisa iinzame zakhe zokwabelana ngolwazi kunye nokubandakanya abafundi kumaqonga edijithali. Ngokomsebenzi, kubonisa intembeko nobuchule kwisakhono sakhe, sinokukhokelela kumathuba entsebenziswano, nokwandisa ukufikelela kwakhe ekuncedeni abafundi abaninzi kwihlabathi liphela. Ikwagxininisa ukubaluleka kokusetyenziswa kwetekhnoloji ukuphucula imfundo kunye nokunxibelelana nabaphulaphuli abohlukeneyo.

    Eyona nto imenza ohluke kukuguquguquka kwakhe, umonde, kunye nobuchule bokulungelelanisa ingcaciso ngokweemfuno zomfundi ngamnye.

    “Abazali banokuxhasa abafundi babo besikolo samabanga aphakamileyo ngokudala imeko-bume yokufunda efanelekileyo ekhaya, ukukhuthaza imikhwa emihle yokufunda, nokukhuthaza unxibelelwano oluvulelekileyo malunga nemingeni yokufunda. Ukongezelela, banokunceda abantwana babo, banikeze uqinisekiso olufanelekileyo, baze babe luncedo xa kufuneka. Kwakhona kubalulekile ukuxhasa ulungelelwaniso phakathi kwezemfundo, imisebenzi yangaphandle, kunye nexesha lokuphumla ukuthintela ukudinwa.”

    UMiss wama-2k uthe xa ekhuthaza kubafundi abangenayo le nyhweba yobudlelwane okanye abangenabo ootitshalakazi bezeZibalo kunye nezeNzululwazi:

    “Kubafundi abangenakho ukufikelela kutitshala wezibalo onika inkxaso, ndiyayiqonda imingeni eninokujongana nayo. Khumbula ukuba izixhobo ezifana nezifundo ze-intanethi, iiwebusayithi zemfundo, kunye noluntu lwezibalo zinokunika inkxaso nesikhokelo esibalulekileyo. Ungalibazisi ukufikelela kuncedo kwaye ujonge iindlela ezahlukeneyo zokufunda ude ufumane oko kusebenza kakuhle kuwe”.

    UMiss wama-2k uyacela kwaye uyabongoza ukuba abantu bamvotele kweziMbasa zokuGqwesa zika-2024, ngokuthi bangene kwikhasi lakhe lezonxibelelwano uFacebook apho bazakudibana ne-Link yokuvota.

    By Siyakholwa Vuso

    Exit mobile version
    Enable Notifications OK No thanks