15.6 C
King William's Town
Friday, April 25, 2025

UMkhwanazi ukhokele ugqogqo kwizakhiwo eziqweqwedisiweyo kumbindi weTheku.

UMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant-General Nhlanhla Mkhwanazi ukhokela ugqogqo kwizakhiwo eziqweqwedisiweyo kunye nabaphambukeli abangenazo iimpepha kumbindi waseThekwini.

Amagosa abambe abaphambukeli abangaphezulu kwe-120 ngokungekho mthethweni.
Isithethi samapolisa ephondweni uRobert Netshiunda uthi, “Eli liphulo lidityanisiweyo lijolise kwizakhiwo eziqweqwedisiweyo ngabemi bangaphandle. Siqaphele ukuba uninzi lolwaphulo-mthetho lwenzeka apha.”

“Sibambe abantu basemzini abangekho mthethweni saza sakhwela kwisakhiwo, umntu walahla ibhegi ezele ziidola zomgunyathi. Sikwabambe umrhanelwa obefunelwa ityala lodlwengulo eMlazi kwaye siyayivuyela into esiyibambileyo ukuza kuthi ga ngoku,” wongeza uNetshiunda.

Ezibufana Indaba

Newsletter Subscription

- Advertisement -

Stay Connected

129,556FansLike
1,513FollowersFollow
66FollowersFollow
0SubscribersSubscribe
King William's Town
scattered clouds
15.6 ° C
15.6 °
15.6 °
87 %
1.9kmh
35 %
Sat
27 °
Sun
30 °
Mon
33 °
Tue
29 °
Wed
17 °

EZITHANDWAYO INDABA

Enable Notifications OK No thanks