UMkomishinala wamaPolisa KwaZulu-Natal uLieutenant-General Nhlanhla Mkhwanazi utyhole i-Ofisi kaMongameli ngokungenelela kuphando lwamapolisa olunxulumene nenkampani yemigodi iRichards Bay Minerals (RBM). Uveze ezi zityholo ngethuba enika ubungqina kwikomishini kaMadlanga yophando ngoLwesine, umhla weshumi elinesibhozo (18) kweyoMsintsi 2025.
UMkhwanazi uxelele le komishini ukuba iRBM ijongene nezigrogriso zobundlobongela ezijoliswe kubaphathi bayo, eziquka ukubulawa komanejala jikelele uNico Swart ngo2021. Ukuphendula, wasebenzisa iqela labecuphi ukuncedisa kuphando.

“Emva konyaka, ndiye ndakhumbula abacuphi babuyela kundlunkulu wephondo laseKZN eThekwini njengenyathelo lokonga iindleko. Baqhuba nophando kwiofisi yam,” utshilo uMkhwanazi.
Nangona kunjalo, utyhola ngelithi emva kwesi sigqibo, wafumana umnxeba ovela kuMkomishinala wamaPolisa kuzwelonke uFannie Masemola, nowayedlulisa umyalezo ovela kwi-Ofisi kaMongameli.
“‘Ndifumene isikhalazo kwi-Ofisi kaMongameli. Kufuneka ubathumele emva abo bantu,’” uMkhwanazi ukhumbula uMasemola emxelela.
IKomishoni kaMadlanga isekwe nguMongameli uCyril Ramaphosa emva kwengxelo eqhumayo kaMkhwanazi ngomhla wesithandathu (06) kweyeKhala 2025, apho wathi inkqubo yobulungisa kulwaphulo-mthetho eRhawutini ibanjwe ngamagosa aphezulu asebupoliseni kunye nabezopolitiko besebenzisana namashishini athengisa iziyobisi kunye nabaphuli-mthetho.
Ubungqina bukaMkhwanazi buphakamise uloyiko malunga nokuzimela komthetho eMzantsi Afrika.
Ikhomishini iyaqhuba nokuphonononga amabango okungenelela kwezopolitiko, okunokuba nefuthe elibalulekileyo ekuthembekeni kwenkqubo yelizwe yobulungisa kulwaphulo-mthetho.

