Umlimi wase-Aberdeen otyholwa ngokudlwengula, ukurhweba ngabantu, ukoyikisa kunye nokubetha uyalelwe ibheyile kwesisixeko.
Isithethi seGunyabantu lezoTshutshiso (NPA) uLuxolo Tyali uthi bayichase ngempumelelo ibheyile kaLouis Lategan oneminyaka engamashumi amane ananye kwinkundla kamantyi yaseGraaff-Reinet. Uthi umantyi uvumelene nomtshutshisi ukuba uLategan usilele ukubonisa iimeko ezikhethekileyo zokukhululwa kwakhe ngebheyile kwaye yingozi yokucela kwabanentsente. Umantyi uqhube wathi umtyholwa unotyekelo lokuqhubeleka nokwenza amatyala kwaye uyakuphazamisana namangqina. ULategan useluvalelweni ukusukela ngoJulayi xa wayezinikele emapoliseni ehamba negqwetha lakhe.
UTyali uthi ngeli xesha, amapolisa sele efumene incwadi egunyazisa ugqogqo kunye newarrant yolwaphulo-mthetho kwi-cyber, athe ayenza kwangoko. Lo mfama utyholwa ngokurhwebesha amanina kwifama yakhe esenza ngathi baqeshelwe ukugcina abantwana kunye nemisebenzi yokuphatha. I-NPA ithi abamangali abathandathu, basuka eMpumalanga naKwaZulu Natal bebesiya kwifama yakhe ukuze bafakwe iziyobisi kwaye badlwengulwe izihlandlo ezininzi. UTyali uthi omnye umama okwazileyo ukuqhwesha ngoku ukwindawo ekhuselekileyo. Uthi ngaphezu koko, uLategan utyholwa ngokubetha umntwana oneminyaka elithoba ngentonga womtshayelo. Umntwana wathathwa kwilokishi yase-Aberdeen. Kwingxelo yakhe efungelweyo umtyholwa awayinikezela ukuxhasa isicelo sakhe, uLategan wavuma ukuba wagwetywa ngo-2003 ngokuzingela izilwanyana ngaphandle kwephepha-mvume, wagwetyelwa ukuqhuba ngokungenankathalo ngo-2004, wafunyanwa enetyala lokubetha ngeenjongo zokwenzakalisa emzimbeni ngo-2006.
Ukanti yindoda yesihlanu ukubanjwa yaze yatyholwa ngezityholo zokuceba ukubulala umongameli uJacob Zuma kunye namanye amagosa aphezulu eANC ngexesha lenkomfa yaseMangaung ngo-2012. Kwimeko eyothusayo, kwinyanga emva kokubanjwa kwalo mfama ngoFebruwari ka-2013, onke amatyala okungcatsha arhoxiswa ngakuye kwinkundla yengingqi yaseBloemfontein. UMbuso ukholelwa ukuba wayeyinxalenye yeli yelenqe kuba wayenikwe uxanduva lokuqhumisa iitanki zamafutha eGqeberha. Ngelo xesha, i-National Prosecuting Authority (NPA) ayizange ifune ukuchaza banzi malunga nokuba izityholo zirhoxisiwe na okanye hayi ukuze anike ubungqina bakhe. NgoSeptemba ka-2022, wabanjwa enetyala lokuxhwila kunye nokuxhaphaza ngokwesondo e-Oudtshoorn nalapho wanikwa isigwebo esixhonywe ngokupheleleyo.
Ityala langoLwesihlanu kuye kwanyanzeleka lisuswe eAberdeen lisiwe eGraaff-Reinet kuba umantyi uchophela elinye ityala apho uLategan ejongene nokudlwengulwa komntwana omncinci.
